19.2 C
King William's Town
Thursday, April 4, 2024

Ufumene amadlelo aluhlaza uNtuli.

UPenny Ntuli uphinde watshitshiliza kumaqonga onxibelelwano uFacebook no-Instagram ngentsasa yangoMvulo umhla wokuqala (-1) kuTshazimpuzi (April) 2024 emva kokuba ebhengeze ukufumana amadlelo aluhlaza kwisikhululo sikanomathotholo sasekuhlaleni iJozi FM kwelaseRhawutini.

LokaNtuli ebhengeza indima yakhe entsha, uvakalise uchulumanco ngenkqubo yakhe yokuqala kwiJOZI FM, i(Mid Morning Chat Show) edlala ngoMvulo ukuya ngoLwesihlanu ukusuka ngentsimbi yesithoba ukuya kweyeshumi elinesibini malanga.

Oku kuza emva kokuba uNtuli ebeke watshitshiliza kumakhasi onxibelelwano ephefumla kumarhe okubeka phantsi kwakhe iintambo kwezosasazo.

Ngomhla wamashumi amabini anesihlanu (-25) kweyoKwindla March) UNtuli wazingqina ngokwenene ezizityholo ediza ukuba kwisikhululo ebexelenga kuso iGagasi FM, bohlukene. Kakoku oku kungenxa yokungavisisani ngomvuzo omtsha, nowabekwa etafileni wesixa mali iR2800 nto leyo eyadala isanxwe kumaqonga onxibelelwano kubalandeli bakhe.

Kuthe kusenjalo, uNtuli wafumana ithuba elitsha lokusasaza eJozi fm. “Ndivuke ngo 5am namhlanje (ngoMvulo 1 April), ndinochulumanco kusuku lwam lokuqala emsebenzini namhlanje (ngoMvulo 1 April) , ndicela undamkele kwiJOZI FM 105.8 (Channel 878 kuDSTV) ndizakube ndikwiRadio yakho rhoqo ngoMvulo ukuya kuLwesihlanu kwiMid Morning Chat Show phakathi kwentsimbi yesithoba. -12″, utshilo uNtuli kwiqonga lakhe lonxibelelwano.

Ngoko nangoko abalandeli bakhe babonakalise uvuyo kambe abanye beyeka ukulandela ikhasi lonxibelelwano leGagasi FM ukuya kwiJozi FM kuba uNtuli ekuyo.

Umtu ngumtu ngabantu!

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
scattered clouds
19.2 ° C
19.2 °
19.2 °
44 %
1.8kmh
44 %
Thu
31 °
Fri
18 °
Sat
13 °
Sun
16 °
Mon
20 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks