Ibutho looKhetshe eMpuma Koloni libambe amagosa amathandathu eeNkonzo zoNyango oluNgxamisekileyo, abaphakathi kweminyaka engama-42 ukuya kumashumi amahlanu anesine ubudala, ngezityholo zobuqhophololo. Isithethi samapolisa uWarrant Officer Ndiphiwe Mhlakuvana uthi isebe lezempilo eMpuma Koloni lipapashe izithuba ezingamakhulu asixhenxe anamashumi amathathu kumagosa eenkonzo zoncedo olungxamisekileyo. kuzo zosibhozo izithili zephondo. Iimfuno ezimiselweyo zezithuba ibikhephe-khephe le Matric okanye nasiphi na isatifikethi esihambelana nelisebe. UMhlakuvana uthi la magosa mathandathu afaka izicelo, afakwa kuluhlu, kwenziwa udliwano-ndlebe ze aqeshwa ngenyanga kaTshazimpuzi ngonyaka ka-2015. Kodwa, nangona kunjalo kweyoKwindla kunyaka ophelileyo, bacelwa ukuba bangenise iziqinisekiso zabo zoqobo ze matric ekutyholwa ukuba basilela ukuzingenisa. Uthe iSebe lezeMpilo lenze uqinisekiso kwiziqinisekiso zabo nalapho “izatifikethi zabo zikaGrade 12 zabhengezwa njengezomgunyathi. Ukanti lo mba wagqithiselwa kwibutho looKhetshe ukuba benze uphando. “Uphando luphinde lwaveza ukuba iSebe lezeMpilo lichuthe imali engaphaya kwe-R7.9 yezigidi zeerandi kwaba abathandathu. Bonke abarhanelwa bazakuvela okokuqala kwinkundla kamantyi yaseZwelitsha ngoLwesibini
Newsletter Subscription
- Advertisement -
King William's Town
few clouds
35.5
°
C
35.5
°
35.5
°
29 %
5.7kmh
22 %
Wed
29
°
Thu
26
°
Fri
28
°
Sat
29
°
Sun
30
°