UMQEQESHI WEBAFANA BAFANA UWABHENGEZILE AMAGAMA ABADLALI BELIQELA
UBroos ubhengeze iqela labadlali elizakuthi lidlale imidlalo yobuhlobo ecwangcisiweyo. Ngamashumiamathathu anesithandathu abadlali abachongwe ngumqeqeshi weBafana Bafana abathe wabachonga nabanokumela uMzantsi Afrika kwimidlalo yobuhlobo. Abafana Bafana bazakuzilolonga neNamibia engabamelwane kwakunye neDRC IDemocratic Republic yeCongo.
Eli qela kulindeleke ukuba licuthwe ethubeni. IBafana Bafana igqibele ukudlala ngethuba itywatyusha iqela elenza kakuhle kakhulu kwindebe yehlabathi eQutar ngamanqaku amabini kwelinye ngethuba lamaqela omabini ekwazile ukuzibekela indawo kwindebe yaseAfrika.
Nangona amabala okudlalela lemidlalo yobuhlobo kodwa bazakuqale badlale neNamibia ngomhla wethoba kwinyanga ezayo ize idlale DR Congo ngomhla weshumi elinesibini kwinyanga ezayo.
Kulemidlalo iBafana Bafana izilungiselela imdlalo yendebe yaseAfrika ezakubanjelwa every Coast kunyaka ozayo kwakunye nemidlalo yokuzilungiselela indawo kwindebe yehlabathi ka2026 nalapho bazakuyidlala ngoNovember kulonyaka.
UHugo Broos kulindeleke ukuba abhengeze iqela elililo elimalungu angamashumi amabini anesithathu kuleveki izayo.
Bathathu abadlali abafakiweyo beKaizer Chiefs kweliqela abo ngu Sifiso Hlanti, uGiven Msimsngo nodule Mmodi.
ISundowns nePirates ngawona maqela amelwe kakhulu koluluhlu iyiSundowns ephambili ngabadlali abasixhenxe babe bebathandathu abadlali bePirates.
Emva kokudlala kakuhle uMlungisi Mbanjana weTS Galaxy ubiziwe naye nokwayinkokheli yabadlali kweliqela. Abanye abathe bafakwa singabalula uKeegan Allan, uGrant Margeman, uSipho Chaine, uZuko Mdunyelwa noImo Okon.
Naba abadlali ngokupheleleyo siqale koonozinti nguSipho Chaine we Orlando Pirates, ibe nguRonwem Williams weMamelodi Sundowns, uRicardo Goss weSupersport United noVeli Mothwa waMazulu.
Kubadlali bangasemva nguSiyanda Xulu weSupersport United, uAubrey Modiba weSupersport United, ibe nguGiven Msimango noSifiso Hlanti beKaizer Chiefs, Keegan Allan weSwallows, Zuko Mdunyelwa weChippa United, Nkosinathi Sibisi wePirates, Grant Kekana weSundowns Thabiso Monyane wePirates, Ime Okon weSupersport United, uNyiko Mobbie weSekhukhune United, Innocent Maela wePirates, Mothobi Mvala weSundowns
Naba abadlali basesiswini nguTebogo Mokaena Bathusi Aubaas beSundowns, Mlungisi Mbanjana weTS Galaxy Njabulo Blom weSaint Louis, Grant Margeman weSupersport United, Sphephelo Sithole weTondala Luke le Roux weVarbergs Bois.
Abadlali baphambili nguPule Mmodi weChiefs uPercy Tau weAl Ahly uMihlali Mayambela weAris Limassol, Bongokuhle Hlongwana weMinnesota Lebo Mothiba weStrasbourg Monnapule Saleng noZakhele Lepasa bePirates Themba Zwane weSundowns Khanyiso Mayo weCape Town City Lyle Foster weBurnley Iqraam Rayners weStellenbosch FC Kobamelo Kodisang weMoreirense
Ukhumbule ukuba ngomhla weshumi elinesibini kuzakube kuthelekiswa amaqela kwindebe yaseAfrika kulonyaka ukulungiselela imidlalo ezakuqhubeka kunyaka ozayo every Coast.