Owayesakuba nguSekela Mongameli we-EFF uzibandakanye neqela loMkhonto weSizwe.
UFloyd Shivambu uwushiyile umbutho we-EFF njengoSekela Mongameli kunye nelungu laloMbutho. Oku kuza emveni kokuba ethathe isigqibo sokuzibandakanye nombutho woMkhonto weSizwe, oku kwenzeka namhlanje umhla weshumi elinesihlanu (15) kweyeThupa 2024, ngexesha i-EFF ibambe intlangano noondaba eWinniel Madikizela-House.
UFloyd kwimbalelwano ayithumele umongameli we-EFF uthe, akazange kumsebenzi wakhe wombutho we-EFF enze ngaphandle kwezigqibo zawo zedemokhrasi nenguqu, isimilo kunye nokusebenza. Uwusebenzele lo mbutho ngokuthobeka nangengqeqesho.
Wongeza ngelithi, “Andizukwenza okanye ndithethe nantoni na ebeka esichengeni isidima sombutho esawuseka ngokuhlangeneyo. Isibongozo sam esinyanisekileyo sesokuba, xa ucinga ngesigqibo endisithathileyo, umbutho kufuneka kwakhona ukuphephe ukunyelisa nokungachazi kakuhle ngesigqibo esingesinye senguqu kunye nesiqeqeshekileyo sokungabuhlaziyi ubulungu kunye nokucela ukukhululwa kweminye yemisebenzi endithunyelwe kuyo.”
UJulius Malema ekuphenduleni nasekungqineni koku bekuthethwa nguFloyd uthe uyasamkela isicelo sikaFloyd kwaye bayamkhulula njengelungu labo kunye nosekela mongameli wabo. UJulius wongeza ngelithi, isigqibo esithathwe nguFloyd asizukuchaphazela ubudlelwane babo.
UFloyd xa egqibezela intetho yakhe uthe uyinqwenelela impumelelo i-EFF kwaye unqwenela ukuba zonke iiCommissars nabalandeli be-EFF basamkele esona sigqibo sinzima asithathileyo.