22.5 C
King William's Town
Monday, May 12, 2025

Uthe muku kafutshane kwinkundla otyholwa ngokubulala uJaques Alexander

Uthe muku ngokufutshane kwinkundla kaMantyi eHumansdorp ngoLwesithathu umhla wesithathu (-3) kuTshazimpuzi (April) 2024 umrhanelwa wesihlanu owoyanyaniswa nokudutyulwa kuka ceba waseKouga Jaques Alexander.

UAndy Davids oneminyaka engamashumi amathathu anesine (-34) ubudala, wabanjwa ngomhla wamashumi amabini anesine (-24) kuMatshi e-Worderdorp kwaye wenza inkangeleko yakhe yokuqala yenkundla emva kweentsuku ezimbini. Ityala lakhe lamiselwa uLwesithathu kwangeloxesha kwisicelo esisemthethweni sebheyile, kodwa lo mba wahlehliswa kwakhona ukuze uDavids atyumbe igqwetha elitsha.

Isithethi samapolisa, uColonel Priscilla Nadu uthi umrhanelwa wayetyatyekwa ngezityholo kwityala lokuzama ukubulala kodwa zinokuthi zibekhona ezinye izityholo anokubekwa zona kamva. Kulindeleke ukuba umrhanelwa abuye kwinkundla kwakhona ngomhla wethoba (-9) kuTshazimpuzi (April).

Ntlandlolo uAlexander wadutyulwa kwaye wenzakaliswa ngaphandle kwekomkhulu likaMasipala waseKouga kwindlela iDa Gama kwinyanga kaYomdumba (February) kulo umiyo.

Ngaphambi kokubanjwa kukaDavids, abarhanelwa abane uMthumzi Lani, uLutho Mbatha, uLuciano Jacobs, kwakunye noAthenkosi Gidane bavela enkundleni ngezityholo zokuzama ukubulala nokuxhwila imoto. Ityala labo lahlehliselwa umhla weshumi elinethoba (-19) kuTshazimpuzi(April). Ukanti kulindeleke ukuba kamva omabini lamadokethi adityaniswe.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
scattered clouds
22.5 ° C
22.5 °
22.5 °
22 %
4.1kmh
38 %
Mon
22 °
Tue
24 °
Wed
29 °
Thu
28 °
Fri
31 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks