Uthe muku kafutshane kwinkundla otyholwa ngokubulala uJaques Alexander

Uthe muku ngokufutshane kwinkundla kaMantyi eHumansdorp ngoLwesithathu umhla wesithathu (-3) kuTshazimpuzi (April) 2024 umrhanelwa wesihlanu owoyanyaniswa nokudutyulwa kuka ceba waseKouga Jaques Alexander.

UAndy Davids oneminyaka engamashumi amathathu anesine (-34) ubudala, wabanjwa ngomhla wamashumi amabini anesine (-24) kuMatshi e-Worderdorp kwaye wenza inkangeleko yakhe yokuqala yenkundla emva kweentsuku ezimbini. Ityala lakhe lamiselwa uLwesithathu kwangeloxesha kwisicelo esisemthethweni sebheyile, kodwa lo mba wahlehliswa kwakhona ukuze uDavids atyumbe igqwetha elitsha.

Isithethi samapolisa, uColonel Priscilla Nadu uthi umrhanelwa wayetyatyekwa ngezityholo kwityala lokuzama ukubulala kodwa zinokuthi zibekhona ezinye izityholo anokubekwa zona kamva. Kulindeleke ukuba umrhanelwa abuye kwinkundla kwakhona ngomhla wethoba (-9) kuTshazimpuzi (April).

Ntlandlolo uAlexander wadutyulwa kwaye wenzakaliswa ngaphandle kwekomkhulu likaMasipala waseKouga kwindlela iDa Gama kwinyanga kaYomdumba (February) kulo umiyo.

Ngaphambi kokubanjwa kukaDavids, abarhanelwa abane uMthumzi Lani, uLutho Mbatha, uLuciano Jacobs, kwakunye noAthenkosi Gidane bavela enkundleni ngezityholo zokuzama ukubulala nokuxhwila imoto. Ityala labo lahlehliselwa umhla weshumi elinethoba (-19) kuTshazimpuzi(April). Ukanti kulindeleke ukuba kamva omabini lamadokethi adityaniswe.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
light rain
23.1 ° C
23.1 °
23.1 °
79 %
2kmh
83 %
Sat
24 °
Sun
18 °
Mon
21 °
Tue
18 °
Wed
28 °

EZITHANDWAYO INDABA