By Asemahle Mbete.
IGqala lo mculo wevangeli uGqirha Rebecca Malope uthathe amanyathelo asemthethweni ngaku-Procter & Gamble South Africa (P&G), efuna imali engaphaya kwesigidi seerandi yomonakalo ngezityholo zokusebenzisa umfanekiso wakhe ngaphandle kwemvume kwimveliso yomgubo wokuvasa impahla i-Ariel.
Eyaziwa ngokuba ngu-Queen of Gospel, uMalope usebenze njengonozakuzaku wenkampani i-Ariel ukusukela ngo-2016 ukuya ku-2022.
“Ndizamile ukuyisombulula le nto ngoxolo, kodwa bala,” utshilo uMalope kumajelo eendaba, ecacisa ngesigqibo sakhe sokuqhubeka nesimangalo. Isimangalo, esifakwe kwiNkundla ePhakamileyo yaseRhawutini, sifuna imbuyekezo ngenxa yokwaphulwa kwesivumelwano kunye nokunyhashwa kwamalungelo emifanekiso.
I-P&G ithe xa iphendula, “Siwusingatha lo mba sisebenzisa iindlela ezifanelekileyo zomthetho kwaye sihlonipha igalelo likaGqr. Malope. Njengoko umhla wenkundla usondela, uMalope usazimisele ukukhusela ilifa lakhe kuxhatshazo lweshishini.”

