Ugwetyiwe owasetyhini (23), egwetywelwa ukubulala usana oluneminyaka emithandathu (6) ubuncinci.

Nqobile Dumalisile

Kubanjwe owasetyhini malunga nokurhaxwa kwentombazana eneminyaka emithandathu ubudala eMpuma Koloni.

Amapolisa athi uNoluvuyo Sinyikatha oneminyaka eyi-23 ubudala uvele kwinkundla kamantyi yaseMqanduli kwaye ubekwe ityala lokubulala.

Kulindeleke ukuba afake isicelo sebheyile ngoMvulo, umhla wesithoba kuSeptemba. Esi sehlo sokurhaxwa kwamanzi senzeke ngoLwesithathu kwindawo yaseNgqwarha ePhezulu eMqanduli.

Amapolisa athi kutyholwa ukuba umtyholwa warhwebesha umntwana kwidama elikufutshane. Isithethi samapolisa eMpuma Koloni uLieutenant Colonel Siphokazi Mawisa uthe: “Kurhaneleka ukuba umrhaxe wamshiya edameni ukuba abhubhe.

“Umzimba walomntwana ubonwe ngumntu obedlula ngendlela edada emanzini, kwaze kwabizwa amapolisa.”

Amapolisa athi idokethi lophando livuliwe ngamapolisa ze emva kophando olunzulu uSinyikatha wabanjwa ze ityala latshintshwa laba lelokubulala.

Umtyholwa useluvalelweni lwamapolisa.

Amapolisa athi umtyholwa lo akazalani tuu nomntwana kodwa uyazana nosapho la lomntwana ubhubhileyo.

Lo mzimba ubhaqwe lilungu loluntu ngentsimbi yeshumi elinanye ekuseni ngoMgqibelo umhla wamashumi amabini anesine kweyeThupha.

Isithethi seNSRI uCraig Lambinon uthe: “Ekufikeni kwabo kwindawo yexhwayelo, umzimba wosana olungachazwanga obolileyo waye wakhutshwa emanzini ukuze ubonwe ngabacuphi bamapolisa phambi kokuba usiwe kunonophelo lwamapolisa kunye neeNkonzo zeGovernment Forensic Pathology. Amapolisa avule idokethi yophando kwaye ayaphanda.”

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
13.9 ° C
13.9 °
13.9 °
93 %
3kmh
0 %
Tue
14 °
Wed
32 °
Thu
32 °
Fri
33 °
Sat
22 °

EZITHANDWAYO INDABA