16.5 C
King William's Town
Wednesday, September 4, 2024

UJustice Maya ubalule imfuneko yeenkundla ezingakhethi cala eMzantsi Afrika.

USekela-Jaji oyiNtloko uMandisa Maya, uqaqambise imfuneko yenkundla engathathi cala nefikelelekayo nakumalungu oluntu asemngciphekweni.

UMaya ubenodliwano-ndlebe neKomishoni yeNkonzo yezeeJaji (JSC) ngesikhundla sokuba yiJaji eyiNtloko emva kokuba umongameli uCyril Ramaphosa emtyumbile ekuqaleni kwalo nyaka.

Nguye kuphela umgqatswa ekwenziwa udliwano-ndlebe naye kwesi sikhundla.

USekela-Jaji oyiNtloko ubambe indima yakhe ngoku phantse iminyaka emibini emva kokuqeshwa kwakhe ngo-2022.

UMaya uthi inkundla kufuneka ikhuthaze ukuzithemba kuluntu, kwaye uMzantsi Afrika uthwaxwa zizidubedube ezininzi kutsha nje. Ngoko ke kuyimfuno ebalulekileyo ukuba kubekho inkundla engazokukhethi cala, ezimeleyo, esebenzayo, ephendulayo, kunye nemanyeneyo.. Ukuba utyunjelwe esi sikhundla, uthi uyayazi ukuba uza ku kuthwala uxanduva olukhulu lokuqinisekisa ukuba iziko lihlala liqinile

Wongeze ngelithi oku kugcina ingqibelelo yayo kwaye iyiphumeza ngokuqinileyo indima yayo yokukhusela nokukhuthaza uMgaqo-siseko kunye nomthetho ukuze ilizwe lethu, ngakumbi abantu abahluphekayo, kunye namalungu asemngciphekweni aqinisekise ukufikelela kubulungisa.

By Anita Qubula.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
16.5 ° C
16.5 °
16.5 °
79 %
4kmh
100 %
Wed
17 °
Thu
15 °
Fri
17 °
Sat
18 °
Sun
17 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks