18.2 C
King William's Town
Tuesday, September 3, 2024

Ukhululwe ngebheyile ye R100 otyholwa ngokurhwebetsha iR1.6 Million eGqeberha

Kubanjwe unobhala wamatyala aseGqeberha onamashumi amane anesine (44) eminyaka ubudala, ngezityholo zobuqhetseba obungaphaya kweR1.6 million.

Isithethi sooKhetshe uKapteni Yolisa Mgolodela uthi uYolandi Nortier ubanjwe ngoMvulo umhla weahumi elinethoba (19) ngezityholo zobuqhophololo kunye nokwaphula umthetho iPrevention of Organised Crime Act.

UKapteni Mgolodela uthe kutyholwa ukuba phakathi kweyoMsintsi ka-2019 ukuya kweyeNkanga ngo-2022, uNortier wayeqeshwe kwa-FSPA njengomphathi nomcebisi eNewton Park, ze waqulunqa izenzo zobuqhophololo ezityholwa ukuba urhwebetsha imali eninzi yenkampani

Eli shishini libonelela ngenkxaso yolawulo neyoonobhala kubathengi boMbutho wabanini bezindlu kunye nolawulo lwezindlu ezingamashumi asibhozo anesibini (82) kulo lonke elaseGqeberha.

UKapteni Mgolodela uthi uphando ludize ukuba uNortier uneeakhawunti zebhanki ezilishumi elinesixhenxe (17) ezahlukeneyo egameni lakhe, nalapho athe wajika imali ebeyifanele abathengi.

Uvele ngokufutshane kwiNkundla yoLwaphulo-mthetho lwezoRhwebo eGqeberha ngoMvulo waze wakhululwa ngebheyile ye-R100 ngenxa yemeko akuyo ngoku yezentlalo noqoqosho.

Lo mcimbi uhlehliselwe umhla wethoba (9) kweyoMsintsi ukuze kuqeshwe ummeli.

INtloko yePhondo uMajor General Mboiki Obed Ngwenya ulincomile eli gqiza ngale mpumelelo, esithi iyakunqanda ukuziphatha okulolu hlobo kwabo bazakuba ngabenzi bobubi.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
18.2 ° C
18.2 °
18.2 °
55 %
1.3kmh
100 %
Tue
18 °
Wed
25 °
Thu
15 °
Fri
15 °
Sat
16 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks