UMongameli woMzantsi Afrika uCyril Ramaphosa uzakuthetha neSizwe ngentsimbi yesibhozo20h00 namhlanje, ngeCawe, umhla we28 November2021. Lentetha kaMongameli imalunga nenkqubela-phambili yelilizwe loMzantsi yokusabela kubhubhani weCOVID-19.
Intetho kaMongameli ilandela iintlanganiso zeBhunga leSizwe lokuLawula iCoronavirus, iBhunga likaMongameli lokuLungelelanisa kunye neKhabhinethi yakhe enye yazo ebibanjwe izolo ukuxoxa emiba ejongene nesisifo. Ukanti lentetha kaMongameli iza kusasazwa kuluhlu lwamaqonga afikelelekayo kubemi boMzantsi Afrika kunye nabaphulaphuli bamazwe ngamazwe.
Uluntu loMzantsi Afrika ngokubanzi lume ngenyawo, kambe besenza isankxwe nakumakhasi ezonxibelelwano ngelinhyasha amarhe okuvalwa kwelizwe(Lovkdown) ngenxa yesifo esitsha salentsholongwane ebhaqwe eMzantsi Afrika ebizwa Omicron. Ixhala ngamanyathelo anokuthathwa nguRhulumente weli nanjengoko uluntu lujonge kwiholide zokuphela konyaka.
Uninzi lakubukela nakubabonakude kaSABC nazakubonelela ngeendaba kuwo onke amajelo osasazo abongokuphangaleleyo ze iEC indaba ikuphathele ezindaba kunye nesishwankathelo sazo.