15.4 C
King William's Town
Friday, December 1, 2023

Ulahlekile kwaye uyafunwa ekhaya..

Abacuphi baseMount Fletcher bafuna uncedo kuluntu ekukhangeleni indoda egama linguSteven Hoffman oneminyaka engamashumi amane anesibini(42) ubudala owaduka kusapho lwakhe ngomhla we(10 kweyoMnga ka2021.

Kutyholwa ukuba uMnu Steven Hoffman ebehlala kwingingqi yase-Isolomzi eMount Fletcher kwaye wagqityelwa ukubonwa ngeCawe ka-2021-12-05 malunga nentsimbi yokuqala(13:00) emini, xa wayeshiya ikhaya lakhe.

Kwangaloo mini malunga nentsimbi yehlanu(17:00) unyana wakhe wamtsalela umnxeba embuza ukuba uphi ze waphendula ukuba ukwingingqi yaseTsolobeng eMount Fletcher.

Unkosikazi wakhe naye wamtsalela umnxeba ngentsimbi ye-18:00 kwangolo suku wamxelela ukuba useMbizeni kwifama eseMount Fletcher, yaba kukugqibela kwakhe oko ukuba kuthethwe naye lusapho.

Izalamane zaseTsolobeng naseMbizeni zithe zabuzwa ukuba zimbonile na okanye azimbonanga na ngala maxesha athe wayekwezi ndawo zimbini, kwavela ukuba akukho mntu ukhe wambona kwabe kulapho kwabe sele kubizwa amapolisa(iSAPS)

Inkonzo yesipolisa iqale ngophando kunye necandelo lezinja zaseMthatha ukusuka eTsolobeng, eZxelitsha Makhuleng naseKhalatsu baqhubela phambili baya kwifama yaseMbizeni xa ebesebenza neendawo eziyingqongileyo, kodwa abakhange bamfumane de kube namhlanje.

Lo mntu ulahlekileyo waziwa ngokuxhuzula.

Ukuba nabani na unokuncedisa i-SAPS ngolwazi kufuneka ancede aqhagamshelane ne-Igosa eliphandayoCst Nongqoqo on
Cell 0685696795 okanye
Xelela ku-0392570242.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
broken clouds
15.4 ° C
15.4 °
15.4 °
66 %
3.3kmh
54 %
Fri
41 °
Sat
26 °
Sun
27 °
Mon
21 °
Tue
21 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks