Akunzima kwaye kuya kusonyukela!!! Abantwana balaliswa neegusha..
Ngalenjikalanga yanamhlanje sothuswa ziindaba zokulaliswa ngenkani kwabantwana abangamakhwenkhwe neegusha. Oku kwenzeke kwiilali zaseMbizana kusenziwa ngutata omdala oqikelelwa kwiminayaka engamashumi asixhenxe ubudala ebantwaneni. Ezindaba zivela emva kokuba sikrwecwe nguPetros Majola weKhula Development Projects nolwela amalungelo abantwana eMpuma Koloni, phofu naye othukile sesisenzo.
Kwimbalelwano asenzele yona ucacise wenjenje…NGUMHLOLA: ABANTWANA ABANGAMAKHWENKWANA APHAKATHI KO 9 & 12YRS UBUDALA KUTYHOLWA NGELITHI BANYANZELISWE UKWABELANA NGESONDO NEEGUSHA E MBIZANA E MPUMA KOLONI:
Le ofisi yethu ibhalele u Brigadier Konza okwicandelo elijongene nokhuseleko lwabantwana no Provincial Commissioner wesiPolisa sase Mpuma Koloni u Lt. General Mene kwakunye no MEC ka Social Development umama Lusithi nalapho sicela kuphandwe ngokukhawuleza izityholo zokulaliswa kwamakhwekhwe amancinci esabelana ngesondo neegusha zendoda ekwiminyaka eqabeleyo kumashumi asixhenxe ubudala.
Sifonelwe ngabantu abohlukeneyo belila esofelweyo nalapho ke mna ubuqu ndiye ndazama ndade ndafunana number, emva koko ndathetha nomnye wabazali kwakunye nenye yalamakhwenkwe nethe yangqina ngelithi EWE kunjalo, sizifakile ipenisile zethu apha ezigusheni sinyanzelwa ukuba senze njengoko iigusha zenza ngako okanye ke mhlawumbi nabantu.
Siye sacela ke u Brigadier Konza alandele lomhlola ngokukhangela ama Polisa angazokuhleka nto engahlekisiyo ukuze kuqhutywe uphando ngalendoda inezimanga.
LIVULIWE ITYALA WABANJWA UTATA.
Ndiske ndanyaaaabaaa!
Enkosi
PETROS MAJOLA from Khula Community Dev Project EC.
22nd April, 2022

