Umbuso ujikile kwityala likaNosiviwe Mapisa-Nqakula, uthi akukho bungqina baneleyo bokulandelela umrhanelwa wesibini.
Owayesakuba nguSomlomo wePalamente, uNosiviwe Mapisa-Nqakula, uvele phambi kweNkundla kaMantyi yasePitoli ngezityholo ezininzi zobuqhophololo. Emva kokuvela okwethutyana enkundleni ngoLwesibini, eli tyala lihlehliselwe umhla wesithoba kwinyanga yeKhala, nalapho uMapisa-Nqakula ezakuvela nesimangalo sokuvela kwinkundla ephakamileyo.
Ethetha noonondaba enkundleni emva kwendibano yenkundla, iCandelo loPhando (ID) leGunyabantu lezoTshutshiso (NPA) lithe okwangoku, uMapisa-Nqakula nguye kuphela umtyholwa kweli tyala. Kwithuba lokugqibela lokuvela enkundleni, ngoTshazimpuzi,, uRhulumente wakubeka kwirekhodi ukuba lowo wayesakuba sisithethi uya kuvela kunye nomtyholwa.
Isithethi seNPA, uHenry Mamothame, uthe ubungqina obuphambi kwabo abanelanga ukuba bangade baphande omnye umntu.
“Kwafuneka sibonise ubungqina obuphambi kwethu. Khumbula ukuba sinye kuphela isityholo esikhoyo, sesorhwaphiliza imali. Emva kothetha-thethwano olungaphaya phakathi kwabaphandi bethu negqiza lethu labatshutshisi, iNPA igqibe kwelokuba ingamsukeli ingamlandeleli umtyholwa wesibini,” utshilo.
“Oku kusekelwe kwinto yokuba ubungqina obuphambi kwethu babunganeli ukuba silandele umtyholwa wesibini.”
ICandelo loPhando limile kwelokuba linobungqina obaneleyo bokutshutshisa uMapisa-Nqakula.
“Silapha (kwiNkundla kaMantyi yasePitoli) ukuza kuwisa ityala kunye nokufumana umhla wenkundla ephakamileyo. Sibona ngathi lo mba kufuneka uye kwinkundla ephakamileyo ngenxa yobuzaza bawo,” utshilo uMamothame.
Inkundla yongeze ibheyile kaMapisa-Nqakula ukuya kumhla wethoba kwinyanga yeKhala ngebheyile yeR50,000.
Owayesakuba ngumphathiswa wezokhuselo ngoTshazimpuzi wakhululwa ngebheyile ye-R50,000 emva kokuvela kwinkundla kamantyi yasePitoli eyayizele imi ngeembambo. Urhulumente waze wacela ukuba ibheyile ibekwe kwi-R100,000. Nangona kunjalo, uMapisa-Nqakula wabongoza inkundla ngelithi ngoku udla umhlala-phantsi kwaye angafikelela kumashumi amahlanu amawaka eerandi kuphela.
Njengenxalenye yemiqathango yebheyile, inkundla iyalele ukuba uMapisa-Nqakula anikezele ngepasi lakhe kubaphandi.
Kwakhona wayalelwa ukuba angaqhagamshelani namangqina kaRhulumente – ngokuthe ngqo okanye ngokungathanga ngqo.
Igqiza lezotshutshiso lidize ukuba amatyala ajongene noMapisa-Nqakula ngamatyala alishumi elinesibini orhwaphilizo phantsi kwePreca (Prevention and Combating of Corrupt Activities Act) kunye nelinye lokuxhaphaza imali phantsi kwePoca (Prevention of Organised Crime Act) ngokufuna iR4.5 yezigidi zeerandi kwikontraka yezokhuselo. .
Ityala loMbuso lelokuba nangona ecenge i-R4.5 yezigidi zeerandi, uMapisa-Nqakula wafumana iR2.1 yezigidi zeerandi kwaye umtshutshisi uxelele inkundla ukuba uyayazi “imali efunyenweyo yasetyenziselwa ntoni”.
Owayesakuba ngumphathiswa wezomkhosi kunye namagqala omkhosi ujongene nezityholo ezininzi zorhwaphilizo, ezisukela kuphando oluphezulu malunga nemicimbi yakhe xa wayechophele umkhosi woMzantsi Afrika.

