UMASIPALA WASEMBHASHE ULAHLEKELWE LELINYE LAMALUNGU ALOMASPALA

Ayaphokoka amazwi ovelwano kusapho oluthe lwashiywa ngobelilungu lomaspala waseMbashe

Abasebenzi kuMaspala waseMbhashe kweliphondo leMpuma Koloni bathi baxhelekile emphefumlweni emva kokushiyiwa emhlabeni lelinye lamalungu ebelikhokhele iOfisi kanondyebo kulomaspala uMnumzana uNtabethemba Nokwe nobhubhe emva kwengozi yemoto eyehle ngecawa umhla 30 April 2023.

uSodolophu walomaspala uClr Samnkelo Janda uthumele amazwi entuthuzelo kwizihlobo nezalamani zikaNokwe ze wamtyibela ngelithi ubegqwesile kakhulu ekuwenzeni umsebenzi wakhe kuleOfisi yezimali kwaye ubezinikele emsebenzini wakhe ewenza ngentliziyo yakhe yonke, uthi ubeqinisekisa uba lomaspala awukho sezinkathazweni zemali.

uManejala walomaspala uMkhululi Nako uthi bengumaspala basezintlungwini ngokubhubha kukaNokwe kwaye imisebenzi yakhe emihle ayisoze yalibaleka, Ukanti uthi lokaNokwe udlale indima enkulu ekuqinisekiseni uba lomaspala uyaphuma kwingxuba-kaxaka yezimali ubuyela kwisimo esihle.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
11.6 ° C
11.6 °
11.6 °
80 %
2.1kmh
0 %
Tue
25 °
Wed
32 °
Thu
33 °
Fri
33 °
Sat
23 °

EZITHANDWAYO INDABA