Abahlali baseMiddledrift bakruqukile kukswela iinkonzo zikarhulumente.

URhulumente wephondo leMpuma Koloni kunye nesikolo i-Fort Cox Agriculture and Forestry Training Institute namhlanje bebebhiyozela impumelelo yamafama aseMiddledrift. Lo msitho kusasa ubugutyungelwe luqhanqalazo lwabahlali ngenxa yokungahanjiswa kakuhle kweenkonzo.

Ngexesha kufika Inkulumbuso kusasa, uluntu luye lwavalela amagosa karhulumente aquka iNkulumbuso yaseMpuma Koloni ukuba bangangeni kulengingqi ukuya kutyhilwa iphulo lokulinywa kwentsango. 

INkulumbuso yaseMpuma Koloni ithembise uluntu ngekliniki yaseBurnshill ezakusebenza ngokupheleleyo ngoMvulo, phakathi kweminye imiba yokuhanjiswa kweenkonzo. Uluntu alumvumelanga Umabuyane ukuba asebenzise iimoto zakhe ukuy kule klinikhi, ngoko kwanyanzleka ukuba uMabuyane aye ngenyawo.

INkulumbuso kunye noMphathiswa wezoLimo noHlaziyo lwezoLimo, bahambe umgama olingana neekhilomitha ezintathu (3km).

 

By Siyakholwa Vuso.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
light rain
24.5 ° C
24.5 °
24.5 °
69 %
4.3kmh
60 %
Sat
22 °
Sun
18 °
Mon
22 °
Tue
19 °
Wed
30 °

EZITHANDWAYO INDABA