19.7 C
King William's Town
Thursday, December 5, 2024

Uwubone njengesithuko umvuzo weR2800 ngenyanga umsasazi.

Igqala kwezosasazo, nokwangusaziwayo kumaqonga onxibelelwano uPenny Ntuli, uphume elubala malunga nekamva lakhe kwezosasazo.

Eligqiyazana lineminyaka engamashumi amabini anesixhenxe(27) ubudala, neliyinzalelwane yaseMlazi kwiphondo lakwaZulu Natal, laqala ukungena kwezosasazo kwisikhululo sikanomathotholo sasekuhlaleni iNanda FM phambi kokuba lizibandakanye nesikhululo sikanomathotholo sengingqi iGagasi FM ngonyaka ka2022.

Kwingxelo yakhe ngentseni yanamhlanje, uNtuli uphefumle kumarhe ajikeleza kumaqonga onxebelelwano wokuba, ubeke phantsi kwezosasazo. UNtuli uzingqinile ngokwenene ezizityholo ediza ukuba kwisikhululo ebexelenga kuso, ibilixesha lakhe lokuvuselelwa kwesivumelwano sengqesho.

UNtuli ukuvezile kwingxelo yakhe ukuba, ulinikiwe ithuba lokuba aphinde atyikitye kwakhona isivumelwano sengqesho, esithi ebekulungele ukusebenza kwakhona de abe ufumanisa ukuba intlawulo azokuyifumana ingange R2 800 ngenyanga.

Eligqiyazana lityhola ukuba libethe ngenqindi phantsi lisithi alinakubuyela enkomeni lakube lingonelisekanga yintlawulo yakhe, ekwaveza nokuba, lomvuzo awunamehluko uyaphi kulowo ebesoloko ewufumana kwiminyaka emibini edlulileyo kulonomathotholo

UNtuli uthi lomvuzo uwuthathe njengesithuko, kodwa nangona kunjalo kwingxelo yakhe ukwaveze ukuba uye wacela ithuba lokuhlala nabasemagunyeni kwisithebe seengxoxo ukuphicotha kabanzi ngalemali. Ukwaqaqambise phambili imibuzo efana nokuba, uzosibeka kanjani isonka etafileni kusapho lakhe? Ekwafuna nokuqonda ukuba abasemagunyeni bangamelana kusini na ngezabo iimpilo ngomvuzo ololuhlobo..

Kwingxelo kaNtuli kuvele ukuba omnye wabaphathi bakhe uAyanda Melansi ucebise lokaNtuli ukuba aqalise ukucinga ngobunye ubomi obungaphandle kokuba semva komboko. “Lempendulo ikubulele nya ukuzithemba kwam” Utshilo uNtuli kwingxelo yakhe

UNtuli uthi emva kwezingxoxo, ucele abaphathi ukuba bangabi sasivuselela isivumelwano sakhe sengqesho kwisikhululo sezosasazo iGagasi FM. Ukwaveze nokuba kukhona itorho elithe qabavu asele elibambe ngezishushu. Ukubethelele kubathandibakhe ukuba akalahlanga kwesisikhululo kuba engasithandi kwaye usakuthatha ukuba ngapha komboko, kodwa ngenxa yeemeko ezijikeleze umvuzo wakhe, ulahlile kulamaza omoya

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
19.7 ° C
19.7 °
19.7 °
72 %
4.6kmh
99 %
Thu
19 °
Fri
28 °
Sat
20 °
Sun
30 °
Mon
31 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks