33 C
King William's Town
Sunday, January 26, 2025

Umfundi okumabanga anomsila kwiDyunivesithi yaseGqeberha uhlabe omnye ze wambulala.

IYunivesithi yaseNelson Mandela yothukile emva kokuba umfundi ebulewe ngomnye umfundi kwisiganeko esenzeka ekhampasini ngentsasa yangoMgqibelo.

Isithethi se-NMU, uZandile Mbabela uthe baza kusebenzisana ne-arhente yogcino-mthetho kuyo yonke lenkqubo. IYunivesithi ikwacele uxolo njengoko uphando lwamapolisa luqhuba. IYunivesithi ikwadlulise amazwi ovelwano kusapho nezihlobo zalomfundi uswelekileyo. Isithethi samapolisa uKapteni Sandra Janse Van Rensburg uchaze umfi njengoMziwenene Tinza nobhubhe emva kokuhlatywa esifubeni.

Uthi umrhanelwa lo wenze esisigabeko wabaleka kwindawo ehlala abafundi, kodwa kamva wazinikela emapoliseni. UJanse Van Rensburg uthe uzakuvela enkundleni ngoLwesibini ngetyala lokubulala. Ngeli xesha, i-NMU ithe iza kubonelela ngeengcebiso kunye nezinye iindlela zenkxaso ngokwasengqondweni kubafundi nabasebenzi abachatshazelwe yile ntlekele.

UMbabela uthi abafundi abachaphazelekileyo bayakhuthazwa ukuba bajongane neMpilo yaBafundi yase-Emthonjeni, ngelixa abasebenzi benokufumana inkxaso ngongenelelo olukhoyo lwempilo yabasebenzi..

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
33 ° C
33 °
33 °
35 %
3kmh
0 %
Sun
35 °
Mon
22 °
Tue
30 °
Wed
37 °
Thu
36 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks