UMkhwebane ushiye i-EFF, kwaye ukuyeka kwakhe akothusanga mntu.

By Ayabonga Ntengu

Owayesakuba ngumkhuseli woluntu, uBusisiwe Mkhwebane urhoxile kwi-EFF.

UMkhwebane uye kuX (owayefudula enguTwitter) ebhala ileta yakhe yokurhoxa, awayeyithumele kwinkokeli ye-EFF uJulius Malema nezinye iinkokeli zeqela.

UMkhwebane uzibandakanye ne-EFF kunyaka ophelileyo emva kokugxothwa njengoMkhuseli woLuntu ngenxa yokungakwazi ukwenza umsebenzi, waza kamva wafungiswa njengelungu lePalamente yombutho.

Ukurhoxa kwakhe kuza kwiiveki nje ezimbalwa emva kokukhanyela ukuba uzakuwushiya lo mbutho njengoko umongameli we-EFF uMalema ebelindele ukufuduka kweenkokeli zombutho emva kokushiya kwakhe lowo wayesakuba ngusekela-mongameli we-EFF, uFloyd Shivambu ukuze azibandakanye neMK Party.

Umhlalutyi wezopolitiko uLevy Ndou uthi ipolitiki yasekhaya ibinokuba nefuthe kwisigqibo sowayesakuba nguMkhuseli woLuntu uBusisiwe Mkhwebane sokurhoxa kwi-Economic Freedom Fighters (EFF).

Ubhengeze izolo ukuba uyayishiya i-EFF, umbutho ebewumele ePalamente kulo nyaka uphelileyo.

UMkhwebane wazibandakanya ne-EFF kamsinya nje emva kokuba esusiwe esihlalweni kweyoMsintsi ka-2023 kwaye waba lilungu lePalamente kwinyanga kamva.

UNdou uthi akumangalisi ukurhoxa kukaMkhwebane.

Uthi, “Ubulungu bakhe kwi-EFF bufike ngexesha apho wayephantsi, ejongene nemiceli mngeni emininzi njengomntu emsebenzini wakhe kwaye i-EFF yayikhona ukuze imthathele kwaye imsindise. Into esingaqinisekanga ngayo kukuba, eneneni, intliziyo yakhe yayikwi-EFF. Kufuneka kwakhona sijonge ukuba umyeni kaBusisiwe Mkhwebane ukwelinye iqela lezopolitiko kwaye bekunokwenzeka ukuba bekuxoxwa ekhaya malunga nekhaya labo lezopolitiko.”

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
scattered clouds
19.4 ° C
19.4 °
19.4 °
87 %
3.6kmh
27 %
Fri
20 °
Sat
28 °
Sun
18 °
Mon
21 °
Tue
18 °

EZITHANDWAYO INDABA