UMkomishinala wamaPolisa kwiphondo laKwaZulu-Natal uLieutenant General Nhlanhla Mkhwanazi udize esidlangalaleni izityholo ezimandundu zokungenelela kwezopolitiko kuphando lweNkonzo yesiPolisa yoMzantsi Afrika (SAPS), etyhola amagosa aphezulu esipolisa noMphathiswa wamaPolisa uSenzo Mchunu ngokumisa ngabom iinzame zokulwa ukubulawa kwabantu bezopolitiko.
Kwingxelo noonondaba ngomhla wesithandathu (06) kweyeKhala 2025, uMkhwanazi udize ukuba igqiza elisebenza ngokugqwesileyo lokubulawa kwabantu bezopolitiko libhaqe iqumrhu lolwaphulo-mthetho elinxulunyaniswa kumashishini athengisa iziyobisi, oosomashishini, abatshutshisi, amalungu enkundla kunye nabezopolitiko.
Nangona kunjalo, uthi lo msebenzi ujongelwe phantsi. Ukwathe “ngomhla wama-31 kweyoMnga ka-2024 umphathiswa wamapolisa, uSenzo Mchunu, wakhupha imbalelwano yokuchitha igqiza elijongene nokubulawa kwabantu bezopolitiko nokunqumamisa ukuvalelwa kwazo zonke izithuba ezingaphakathi kwicandelo lobuntlola.
Emva koko, uthi, uSekela-Mkomishinala weSizwe woPhando loLwaphulo-mthetho, uLieutenant General Shadrack Sibiya, warhoxisa amadokethi amatyala ali-121 kweli candelo wawasa e-ofisini yakhe, lonto icima ngokupheleleyo uphando oluqhubekayo.
UMkhwanazi, ubandakanya uMchunu kuhlalutyo lonxibelelwano kwisixhobo somnye umrhanelwa onguVusimuzi “Cat” Matlala. NgokukaMkhwanazi, olu hlalutyo lubonisa imiyalezo ethe ngqo phakathi kukaMatlala, uBrown Mogotsi ngokwakhe, kuquka nobungqina bentengiselwano yezemali exhasa imicimbi yezopolitiko kaMchunu, ukusuka kuhambo lomsitho we-8 kaJanuwari ukuya kwitafile yesidlo sangokuhlwa eKapa.
Umbutho wezopolitiko i-ActionSA ifuna ingxoxo engxamisekileyo epalamente, ikhankanya amabango kaMkhwanazi “njengezityholo ezinzulu” kwiinkokeli zeSAPS, ezityhola ngokungena kulwaphulo-mthetho kunye “nokonakalisa ngabom” iinzame zokunqanda udushe olubangelwa yipolitiki.
USekela-Mkomishinala uSibiya uwachithile la mabango ngelithi akanasihlahla, esithi indlela aziphatha ngayo uMkhwanazi “ayinangqiqo” kwaye akanamsebenzi kwigosa elikwinqanaba lakhe.
Izityholo zikaMkhwanazi ziza phakathi kombhodamo obanzi kwiziko. Ebutsheni balo nyaka, uMkhwanazi ebejongene nophando lwe-IPID ngezityholo zokuphazamisa ukubanjwa kwegosa eliphezulu lezoluleko, ekuqaleni kuxelwe ukuba kubangelwe sisikhalazo sikaMphathiswa uMchunu.