Umrhanelwa oneminyaka engamashumi amathathu anesibini ubudala uye wabanjwa ngamapolisa aseMonti emva kokuba amalungu eqela laseMdantsane Flying Squad efumene umnxeba ovela kwaSQ Risk ecela uncedo nanjengoko babelandela umkhondo weemfonomfono ezibiwe kuphango oluqhubeke kudederhu lweevenkile, iVincent Park, eMonti.
Kutyholwa ukuba ngoMgqibelo, umhla wesixhenxe (07) kweyeKhala 2025, malunga nemizuzu engamashumi amathathu emveni kwentsimbi yeshumi (10:30) kusasa. Amapolisa aqhubeleka angena kwisitalato iSt George’s eSouthernwood, kulapho baye bafumana khona umkhondo wokuba abarhanelwa baphi.
Uphando olunzulu lwabakhokelela kumgangatho wesibhozo (08) kwisakhiwo sokuhlala, apho baye bafumana iimfonomfono ezininzi, iirotha, kunye nesixa-mali esingachazwanga. Kufunyenwe imipu emibini engenampepha-mvume (i-Norinco 9mm pistol kunye ne-.38 special revolver) kwaye iza kusiwa kuvavanyo (ballistic test).
Umrhanelwa oneminyaka engamashumi amathathu anesibini ubudala ubanjwe ngokuba nemipu emibini engenampepha-mvume, iimbumbulu kunye nezinto ekurhaneleka ukuba zibiwe njengoko abanye bekwazile ukubaleka xa bebona amapolisa. Kuthinjwe nemoto yakwaSuzuki, njengoko ibisetyenziswa kulwaphulo-mthetho. Kwafunyanwa neenombolo zomgunyathi zobhaliso.
Umrhanelwa uzakuvela phambi kwenkundla kamantyi eMonti, kungekudala