Umphathiswa uNqatha ukhaba ngawo omane kuqhankqalazo olucetywa luluntu lwaseGqeberha.

UMphathiswa uXolile Nqatha ubongoza uluntu ukuba luhambele kude kuqankqalazo olungekho semthethweni kuMasipala Ombaxa iNelson Mandela Bay.

Umphathiswa wezoThutho noKhuseleko loLuntu uXolile Nqatha uthi uliqaphele ngenkxalabo ilizwi elisasazwa kumaqonga onxibelelwano (WhatsApp) elibongoza abahlali bomasipala ombaxa iNelson Mandela Bay ukuba bathathe inxaxheba kuqhankqalazo olungekho mthethweni okanye ukuvalwa mbaa kweentshukumo ngoMvulo umhla weshumi (10) kweyoMsintsi 2024.

U-MEC uNqatha waziswe ngelizwi elishicilelweyo elijikelezayo kwaye umemelela abantu beli phondo ukuba bayeke ukuthatha inxaxheba kuqhanqalazo olungekho mthethweni okanye ukuvalwa kweentshukumo. Uthi iCandelo leshumi elinesixhenxe (17) loMgaqo-siseko kunye noMthetho wokuMiselwa kweeNdibano limisela indlela abaqhankqalazi ekufuneka baziphathe ngayo.

UMphathiswa uNqatha uthe: “Singurhulumente sihlaba ikhwelo kubemi beli phondo ukuba bakhusele ukufikeleleka kwemfundo, kwaye sikwafuna ukugxininisa ukuba nakuphi na “ukuvalwa komsebenzi” kuya kuba kungekho mthethweni..

Ilizwi elijikelezayo liye lathunyelwa emapoliseni ukuba aphande ngesityholo esinokuba siphembelela ubundlobongela.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
few clouds
22.2 ° C
22.2 °
22.2 °
40 %
7.7kmh
21 %
Mon
20 °
Tue
24 °
Wed
32 °
Thu
34 °
Fri
32 °

EZITHANDWAYO INDABA