15.6 C
King William's Town
Friday, April 25, 2025

Umphathiswa uNqatha ukhaba ngawo omane kuqhankqalazo olucetywa luluntu lwaseGqeberha.

UMphathiswa uXolile Nqatha ubongoza uluntu ukuba luhambele kude kuqankqalazo olungekho semthethweni kuMasipala Ombaxa iNelson Mandela Bay.

Umphathiswa wezoThutho noKhuseleko loLuntu uXolile Nqatha uthi uliqaphele ngenkxalabo ilizwi elisasazwa kumaqonga onxibelelwano (WhatsApp) elibongoza abahlali bomasipala ombaxa iNelson Mandela Bay ukuba bathathe inxaxheba kuqhankqalazo olungekho mthethweni okanye ukuvalwa mbaa kweentshukumo ngoMvulo umhla weshumi (10) kweyoMsintsi 2024.

U-MEC uNqatha waziswe ngelizwi elishicilelweyo elijikelezayo kwaye umemelela abantu beli phondo ukuba bayeke ukuthatha inxaxheba kuqhanqalazo olungekho mthethweni okanye ukuvalwa kweentshukumo. Uthi iCandelo leshumi elinesixhenxe (17) loMgaqo-siseko kunye noMthetho wokuMiselwa kweeNdibano limisela indlela abaqhankqalazi ekufuneka baziphathe ngayo.

UMphathiswa uNqatha uthe: “Singurhulumente sihlaba ikhwelo kubemi beli phondo ukuba bakhusele ukufikeleleka kwemfundo, kwaye sikwafuna ukugxininisa ukuba nakuphi na “ukuvalwa komsebenzi” kuya kuba kungekho mthethweni..

Ilizwi elijikelezayo liye lathunyelwa emapoliseni ukuba aphande ngesityholo esinokuba siphembelela ubundlobongela.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
scattered clouds
15.6 ° C
15.6 °
15.6 °
87 %
1.9kmh
35 %
Sat
27 °
Sun
30 °
Mon
33 °
Tue
29 °
Wed
17 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks