UMongameli Cyril Ramaphosa udize ukuba uJuluis Malema akazange amcele isikhundla sokuba ngSekela Mongameli.

Amarhe okuba uJulius Malema wacela umongameli Ramaphosa ukuba amenze usekela mongameli woMzantsi Afrika kurhulumente womanyano jikelele akuyonyani, oku kuvakaliswe ngumongameli Ramaphosa ngokwakhe.

Umongameli uCyril Ramaphosa uthi ngokuchaseneyo neengxelo namarhe ebegquba emva konyulo lwangomhla wamashumi amabini anethoba (29) kuCanzibe, uJulius Malema akazange athethe naye malunga nokuchongwa njengosekela mongameli.

URamaphosa, ethetha no-Annika Larsen we-eNCA kudliwano-ndlebe lweyure enye nelusasazwe ngokuhlwa kwangoLwesine, ugalele amanzi abandayo kumarhe okuba i-Economic Freedom Fighters (EFF) yaacela ukuba uMalema abekwe njengommi wesibini woMzantsi Afrika.

UMalema akazange andicele ukuba abekwe njengosekela mongameli, uRamaphosa uxelele uLarsen.

Phambi konyulo, kudliwanondlebe ngomhla weshumi elinesine (14) kuMatshi, uMalema wavakalisa umnqweno wokungena kurhulumente.

Ethetha nentatheli uSam Mkokeli, uMalema wathu: “Akunamsebenzi nokuba ndikweliphi iwonga. Kodwa unokuqiniseka ukuba emva kolu lonyulo, ndiza kube ndidlala indima ebalulekileyo kulo rhulumente.”

Kwaye xa uMkokeli ekhankanya “ngoba ngusekela mongameli”, inkokeli ye-EFF yavakalisa amabhongo aphezulu.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
13.9 ° C
13.9 °
13.9 °
93 %
3kmh
0 %
Tue
14 °
Wed
32 °
Thu
32 °
Fri
33 °
Sat
22 °

EZITHANDWAYO INDABA