EKapa – UMphathiswa weMfundo esiSiseko uSiviwe Gwarube kulindeleke ukuba adibane nogxa wakhe kwezeZimali ukuze bafumane iindlela zokukhusela inkqubo yezemfundo ngokucuthwa kabuhlungu kohlahlo lwabiwo-mali.
Kulindeleke ukuba izithuba ezingamawaka amabini namakhulu amane (2 400) zootitshala nootitshalakazi zicuthwe phambi konyaka ka-2025, njengoko iSebe lezeMfundo eNtshona Kapa (WCED) lalifumana umyinge we-64% weendleko zemvumelwano yomvuzo ekuxoxiswene ngawo nozwelonke, nto leyo eyayishiya iphondo lixhasa i-36% eshiyekileyo, okubangele ukushokoxeka kohlahlo lwabiwo-mali lwe-R3.8 yeebhiliyoni kule minyaka mithathu izayo.
UMphathiswa wezeMfundo uDavid Maynier uthe iNtshona Kapa ayikuphela kwephondo elinengxaki yokucuthwa kohlahlo lwabiwo-mali, njengoko iKwaZulu-Natal ngoku ingenako ukuhlawula i-11,092 yezithuba zootitshala.
UMphathiswa uEnoch Godongwana:
“Le ntlanganiso yeyokuxoxa ngeendlela, okokuqala, ukukhusela iSebe lezeMfundo ekucutheni uhlahlo lwabiwo-mali, okwesibini, kukwabelwa imali eyongezelelweyo kweli sebe libalulekileyo.”
UVangqa uthi uGwarube uzaklubizela indibano engxamisekileyo nabo bonke abaphathiswa bezeMfundo kwibhunga elikhethekileyo labaphathiswa bezeMfundo, ukuze kukhangelwe iindlela zokukhuselwa kwabafundi kwiziphumo zokucuthwa kohlahlo lwabiwo mali.
“Iingxaki zemali elizweni zibangele ukuthotywa kohlahlo lwabiwo-mali esikubonayo namhlanje.
“Ukunqongophala kwemeko yezemali kusisiphumo seminyaka yezigqibo zomgaqo-nkqubo ombi ngoqoqosho lwethu, kwaye ukuze siphume kule meko kufuneka kukhethwe umgaqo-nkqubo ofanelekileyo kunye nolawulo olungcono lukarhulumente noqoqosho.”
UVangqa uthe inyaniso kukuba onke amaphondo achatshazelwe kukucuthwa kohlahlo lwabiwo-mali kwaye ifuthe libonakala kwicandelo lemfundo esisiseko.
“AmaSebe eMfundo amaPhondo (PEDs) afumana isabelo-mali seMbuyekezo yabaSebenzi ngqo kuNondyebo weSizwe athi ayithumele kuNondyebo wePhondo.
“I-PED nganye ijongana nemicimbi yayo yolawulo lwezabasebenzi kunye noNondyebo wePhondo. Nangona kunjalo, xa amasebe ephondo esiva ubunzima, inkqubo yesizwe iphela isiva ubunzima.”
UMaynier uthe iphondo liyabubulela ubunkokheli nenkxaso evela kuGwarube.
“Lo ngumlo wootitshala bethu, kwaye sinethemba lokuba nabanye bazakuhamba nathi njengoko sisondela kuNondyebo weSizwe ukuze sisombulule le ngxaki yemali,” utshilo.
UNondyebo weSizwe kulindeleke ukuba aphendule imibuzo ethubeni.
Unobhala we-SA Democratic Teachers Union (Sadtu) ephondweni, uSibongile Kwazi, ukwamkele ungenelelo esithi imanyano ijonge ukuva iziphumo zothetha-thethwano.
Ukanti uKwazi uthe abazukuyirhoxisa ingxabano efakwe kwiWCED kwibhunga leengxoxo ngezemfundo.
Isithethi seANC kwezeMfundo, uKhalid Sayed, uyamkele le ndibano, esithi iyafuneka ukuze kuqulunqwe isiseko sokusebenzisana.
“Kufuneka kwenziwe zonke iinzame zokunganciphisi izithuba zootitshala, kuba ukuncitshiswa kwezithuba kuya kuchaphazela inkqubo yezemfundo iphela, kuchaphazele ikamva lephondo nelizwe lethu, ngoko ke ibaluleke kakhulu,” utshilo uSayed.