UMphathiswa uFundile Gade ungenelele emva kokuxhatshazwa kwoMfundi ngaBafundi abangamakhwenkwe eDavid Mama S.S.S.

UMphathiswa wezeMfundo eMpuma Koloni, uMnu. Fundile Gade, kulindeleke ukuba atyelele kwisikolo samabanga aphakamileyo iDavid Mama Senior Secondary School emva komsindo kawonke-wonke obangelwe yividiyo ebonisa umfundi wasetyhini ehlukunyezwa ngamakhwenkwe afunda naye.

Esi siganeko, sisasazwe kakhulu kumakhasi onxibelelwano, sibangele ukuba isebe lingenelele ngokukhawuleza. Kwingxelo ekhutshwe kumajelo eendaba ngomhla wesithathu (3 ) kweyeThupha 2025, isebe liqinisekisile ukuba uMphathiswa uGade uzakungenelela, kuquka ukubonelela ngenkxaso kwixhoba, ukuqaliswa kophando lokuqala, kunye nokuqinisekisa ukuba kukho amanyathelo okulungisa abenzi bobubi.

“Njengomzali notitshala, uMphathiswa uGade ulubeka phambili ukhuseleko lwabafundi nempilo-ntle,” ifundeka ngolu hlobo ingxelo. “Emva kokuva ngale vidiyo, uye wayalela abasebenzi bakhe ukuba banike inkxaso ngoko nangoko ngokwasengqondweni kumfundi okanye abafundi abachaphazelekayo, benze uphando, kwaye bakhuthaze ulwazi oluchasene nokuxhatshazwa nokuthintela ulwaphulo-mthetho kubo bonke abafundi.”

Utyelelo luka-MEC, olucwangciselwe u-08h30, luya kubandakanya ingcaciso emfutshane namagosa esikolo, abameli beSAPS, iQonga leSigqeba lesiThili, kunye neenkokheli zabafundi. Intlanganiso yabucala kunye nexhoba kunye nabazali balo ikwacetywa.

Eli Sebe liphinde lathi alikunyamezeli tu kwaphela ukuxhatshazwa ezikolweni laza labongoza uluntu, ootitshala nabafundi ukuba basebenzisane ukudala iindawo zokufunda ezikhuselekileyo.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
20.5 ° C
20.5 °
20.5 °
83 %
0.8kmh
100 %
Fri
35 °
Sat
28 °
Sun
19 °
Mon
20 °
Tue
16 °

EZITHANDWAYO INDABA