URamaphosa usenethemba lesiVumelwano soRhwebo neMelika.

By Buhle Nomgalasa.

Njengoko uMongameli waseMelika uDonald Trump etyikitya ngokusesikweni isigqeba esilawulayo sokuphinda kuhlawulwe amaxabiso ezinto ezithengwa eMelika ezivela kumazwe aliqela, uMongameli Cyril Ramaphosa uthe uMzantsi Afrika uzakuqhuba uthethathethwano worhwebo neWashington.

UMzantsi Afrika ubekelwe umrhumo wamashumi amathathu (30%) epesenti kuzo zonke iimpahla ezisuka kweli lizwe zisiya eMelika. UTrump uthe lo myalelo wawujolise ekukhuseleni amashishini aseMelika kunye nokunciphisa intsilelo yorhwebo.

Ethetha kwizakhiwo zomdibaniso ePitoli ngoLwesihlanu, umhla wokuqala (01) kweyeThupha 2025 uRamaphosa uthe usenalo ithemba lokuba isivumelwano sizakuhlala sibambene neqabane lesibini ngobukhulu kwezorhwebo.

UMongameli wathi iphakheji yorhwebo enenzuzo ngokufanayo ibekwe etafileni.

“Besifuna ukuba inani lezinto zorhwebo zixolelwe kwaye sifuna ukubanika amandla otyalomali kuqoqosho lwethu, kunye neenkampani zaseMzantsi Afrika ukuba zityale imali eMelika. Ngoko ke loo phakheji isamele kuxoxwe ngokupheleleyo.”

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
20.5 ° C
20.5 °
20.5 °
83 %
0.8kmh
100 %
Fri
35 °
Sat
28 °
Sun
19 °
Mon
20 °
Tue
16 °

EZITHANDWAYO INDABA