Ingaba kukubawa, sisiqhelo sobusela sokungakwazi ukuzibamba, kukunyoluka kokungoneli, okanye ubusela busengqondweni yimibuzo nje akajajwa. Isizathu esinokubambeka kwimibuzo kungoba indoda lena iyaphangela ayiqhekezanga iofisi yomtshutshisi njengomntu ongaphangeliyo kungenjalo ongenandawo yokuhlala. Lo nogada ogama linguKgangetsile Motsomi noneminyaka engamashumi amahlanu ubudala uvele kwinkundla yamatyala eKlerksdorp ngolwesine umhla weshumi elinesixhenxe kulenyanga yeThupha emva kokubhaqwa kulekhamera yokucupha ekhangela imiqulu ebalulekileyo(documents) phambi kokuba abe ikofu neswekile.
Yonke lento lonogada uyenze ngomhla wamashumi amabini anesithathu kwinyanga ephelileyo ngethuba ngokwengxelo engena kwiofisi yomtshutshisi ophezulu. Ngokwengxelo ingqonyela yokutshutshiswa kwabantu kwiphondo loNtla Ntshona uRachel Makhari uye wavakalisa ukungakhuseleki kulomnyango ngelithi aphezulu kananjalo anobuzaza ebalulekile amatyala alaofisi nto leyo efuna ingqwalasela kwinto yokhuseleko. Oku kwenzeka emva kokuba ethe xa eyokuthatha isinxibo sakhe sokusebenza igawuni wafumanisa ukuba akutsixwanga kunjalo nje ikhamera yokucupha ayifakwanga eplagini kulapho abone lonogada wakwaMotsomi evumbulula kwindawo ehlala khona imiqulu (documents) kulapho abonileyo ukuba ngoku ikhamera iyamthatha wayicima waze wayishiya iofisi.
Kananjalo phambi kwesisehlo umtshutshisi ophezulu ubenamanwele nezinto aziqhapheleyo ukuba ziyenzeka xa engekho kwiofisi yakhe waze wayiqhagamshela kunomyayi wakhe ikhamera ecuphayo.
Ngokwengxelo yesithethi seNPA iNational Prosecuting Authority eyiArhente yotshutshiso kwelaphondo lasemntla ntshona uMotsomi uye wabekwa izityholo zokuqhekeza nokuba nangona kunjalo eye waphuma ngokutyityimbiselwa umnwe utshilo uHenry Mamothame osisithethi seNPA.


