UCHULUMANCO LALUBHALWE EBUSWENI KUBANTWANA BALESENTA NGETHUBA OKAMAHLUNGWANA EBEZONIKELA KWIKHAYA LABO
Nangona engumntu wasebuhlanti, usomashishini kwidolophu yaseQonce nogama linguBhongo Mahlungwana ubengumsamariya olungileyo noye wayokuyotyelele indawo egcina nenakelela abantwana abaphila nokukhubazeka yaseDimbaza eyokunikela ngezinto zokucoca, iziselo zenkampani yakhe, kwakunye nezinto zokuvasa, ngomhla wamashumi amabini anesibini kweyeKhala.
Losomashishini uthe kulendawo igcina ababantwana waye wanikwa umdla kakhulu yindlela abantwana abaphila nokukhubazeka abahoyeke ngayo.
ISIZAMILE TRAINING CENTRE FOR THE DISABLED CHILDREN yaqala ngonyaka ka1992 iqalela kwiziko lonyango laseDimbaza iseyindlu enamagumbi amane ngoko, yaqala kukho UGqirha uPower owayeyi Paediatrician owaye wafumanisa ukuba baninzi abantwana abaphila nokukhubazeka kwaye ababantwana bayatixelwa ezindlini. Ngoko ke waya kubahlali ebaxelela ukuba badibane kukhangelwe iindlela zokunceda abantwana abaphila nokukhubazeka kube kusetyenziswa esisakiwo sinamagumbi amane esasibizwa ngokuba yi nurse’s homes yaqala ke inabantwana abangapha kwamashumi amathandathu.
“Senza njalo ke singabahlali singena ndlu nendlu sikhangela abantwana abaphila nokukhubazeka sabafumana abanye, abanye abazali babantwana safika bebancinci ibangathi ke sisiqalekiso uthi xa ungumntwana omncinci ubenomntwana ophila nokukhubazeka” kutsho u Nontsikelelo Mpehlo nojongene nalendawo ihoya abantwana abaphila nokukhubazeka. Uqhube esithi bazama ukuvula igruphu yabazali babantwana abaphila nokukhubazeka ngenxa yeempembelelo zalombutho ukuncedisana nabo nendlela zokubacebisa.
UMpehlo uthe abanye abantwana baza kulombutho kuba kucotha mhlawumbi indlela yakhe yokuthetha kodwa athi xa edibana nabanye abantwana aphele ethetha noba akazukuthetha into evakalayo ncam. Ucacise umsebenzi wabo kule ndawo esithi abantwana babafundisa ukuba bazimele bangaxhomekeki mntwini noxa bephila nokukhubazeka, uchaphazele nelokuba bakhona abaye babazame kodwa babe bengazokwazi ukuba bazenzele izinto ngokunokwabo esithi bona abafundisi njengezikolo zesiqhelo kodwa ikhona imfundiso abaye bayinike abantwana kuyo lendawo, xa bebebadala banayo inkqubo abayibiza ngokuba yiprotective workshop apho baye babafundise isakhono bakwazi ukuthunga iiqhiya benze nezi beads kodwa ke kushiyana ngokukhubazeka umntana aphila nako. Uchaphazele ukuba noxa nje bengafundisi njengasezikolweni zesiqhelo into ephambili kubonisa ababantwana uthando nabo bazive bekhathalelwa bangaziva ingathi abafani nabanye abantu nanjengoko kushiyana iimeko abasuka kuzo emakhaya.
Oka Mpehlo uqhube ecacisa ukuba abantwana abanabo kule ndawo bangaphaya kwamashumi amane ubuninzi kwaye basuka kwiidolophu ezahlukileyo kweli le Mpuma, esithi banabo abadala abantwana abadala abafundiswa u ABET kwaye babafundisa ukuba bangaxhomekeki sele befuna ukhupha imali kwibhanka. Uqhube esithi banesithuthi esibasa kwiziko lezempilo ngeemini zabo ukujongana nenkqubo yempilo yabo. Uqhube esithi abazali baye bavumeleke ukuzakumkroba bagoduke emva kwemini. Ucacise malunga nesakhiwo abanaso ngoku esithi nanjengoko enabancedisi abane kulendawo bebekade benesikolo bebesebenzela kuso kodwa ngelishwa satsha ngoku kwesi isakhiwo abakuso bahlala khona abantwana bakwafundisela kwakuso nto leyo yenza okuba indawo ibencinci yokufundisela. Uqhube ekhankanya umceli mngeni wokuqhekezelwa nokuba ke inkxaso nanjengoko beyifumana kwiindawo ezixhasa ngemali kodwa ayiqoshelisi zonke iingxaki abaye babenazo nokushokoxeka kwezinto ezithile abaye bazidinge. Ugqibele ngelithi ubulela oosomashishini abanikelayo abafana noMahlungwana esithi yanga uThixo angasikelela apho bathatha khona.
Ingxelo: Siya Sitofile



