Umsitho wokufungiswa ngokusesikweni eNgqushwa

UMaspala wedolophu yaseNgqushwa namhlanje, ububambe umsitho wokufungiswa ngokusesikweni ooceba bebhunga balomasipala kwizikhundla zabo ezintsha. Lomsitho ububanjelwe kwiholo yoluntu iNcumisa Khondlo, kwaye uzinyaswe luninzi olusemagunyeni eburhulumenteni kuquka iinkosi zasekuhlaleni, abefundisi kwakunye nabahlali.

Kubekwe esikhundleni oyena umncinci ngeminyaka, nowenze imbali ngokungena kwisikhundla sikaSodolophu eNgqushwa uSanga Siyabulela Maneli. LokaManeli ungena kwesisikhundla ngokusesikweni nanjengoko ebekhe wabambela ngaphambili kwaye esebenzile nakwisikhundla sokuba nguSomlomo waloMaspala.

Kukwabekwe uCeba Daniswa Ncanywa njengoSomlomo(Speaker) omtsha, uSosiwephu(Chief Whip) uCeba Nondyebo Jako. Ukanti umbutho weANC unezihlalo eziyi18, ze iEFF ibe nezihlalo ezintathu( 3) iDA ibenesihlalo esinye (1).

USodolophu noSomlomo kunye noZolani Ndonga weEFF baye bavotelwa ukuba baye kumela iNgqushwa kumasipala wesithili iAmathole.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
14.6 ° C
14.6 °
14.6 °
85 %
2.7kmh
0 %
Tue
14 °
Wed
32 °
Thu
32 °
Fri
33 °
Sat
22 °

EZITHANDWAYO INDABA