14.3 C
King William's Town
Thursday, October 2, 2025

UMzimvubi ufakele izibane ezitalatweni ukuphucula uKhuseleko kunye noNikezelo lweeNkonzo.

Imali engaphezulu kwesigidi (R1 000 000) seerandi esityalwe kumbane ococekileyo wezibane ezitalatweni iza njengenxalenye yokuzinikela kukaMasipala ekubonakaleni, ekukhuseleni nasekuphuhliseni amaphandle.

Kwinyathelo elibalulekileyo lokuqinisa ukhuseleko loluntu, uMasipala waseMzimvubu sele eqalisile ukufakelwa kwezibane ezisebenza ngelanga kwidolophu yase-Emaxesibeni, kwaWadi 28.

Eli phulo liyinxalenye yesicwangciso-qhinga sikamasipala sophuhliso olubanzi olujolise ekuzibekeni phantsi njengomasipala ohamba phambili emaphandleni malunga nonikezelo lweenkonzo kunye nokusungula izinto ezintsha.

Ngokwengxelo ekhutshwe ngomhla weshumi (10) kweyeKhala ka-2025, umasipala utyale imali esondele kwisigidi seerandi kunyaka-mali ka2024/2025 ukuze kufakwe izibane zasezitalatweni ezingamashumi amathathu (30) ezisebenzisa amandla elanga phantsi kweSebe loPhuhliso lweZiseko zoPhuhliso. Kungoku nje, amashumi amabini (22) ezibane zasezitalatweni sele zifakelwe kwaye zisebenza ngokupheleleyo.

“Le projekthi iza kuphucula ukubonakala kwabahambi ngeenyawo kunye nokhuseleko loluntu kwaye izakuqinisa ukhuseleko ngokuvumela abahambi ngeenyawo nabaqhubi ukuba babonane ebusuku, ikwanegalelo ekulweni ulwaphulo-mthetho nanjengoko izenzo zolwaphulo-mthetho ezininzi zisenzeka emva kobumnyama,” utshilo uSodolophu uNdevu ngethuba esenza intetho yobume bukaMasipala kwilali yaseSigunduweni ngenyanga kaCanzibe ka2025.

Iprojekthi yeSolar yezibane zezitalato iyinxalenye yephulo likamasipala eliqhubayo lokuphakamisa uluntu lwasemaphandleni ngombono wayo wophuhliso uthi, “Umsebenzi Emntwini Wonke” (Uphuhliso lomntu wonke). Ngokunxuseneyo nephulo lokukhanyisa, iprojekthi yokufakelwa kombane yezigidi ezilishumi elinesibini (R12 million) zeerandi nayo iyaqhuba.

Kule projekthi kuqeshwe unokontraka oza kufaka umbane kumakhaya angamakhulu amabini anamashumi asibhozo anesibhozo (288) kwaWadi 8 no9, kwiilali ezifana neSikhemane, Mhluzini, Saphukanduku, Goso, Luxwesa naseDutyini.

“Ezi projekthi zitshintsha ubomi aziyi kuzisa iinkonzo ezibalulekileyo kuphela kolu luntu kodwa zidale namathuba emisebenzi kunye nophuhliso lwezakhono, okomeleza ukuzinikela kukaMasipala kuhlumo oluqukayo,” utshilo uManejala kaMasipala, uMnu. Tobela Nota.
Ezi projekthi zibonisa indlela ehlanganisiweyo kaMasipala weNgingqi yaseMzimvubu kuphuhliso lwasemaphandleni, edibanisa uzinzo, ukhuseleko, kunye nokuxhotyiswa kwezoqoqosho njengenxalenye yoMbono ka-2030.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
broken clouds
14.3 ° C
14.3 °
14.3 °
82 %
6.5kmh
67 %
Thu
15 °
Fri
16 °
Sat
33 °
Sun
24 °
Mon
24 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks