URamaphosa uza kubamba intambo xa esenza intetho yohlahlo lwabiwo mali ePalamente.

By Buhle Nomgalasa.

UMongameli uCyril Ramaphosa uzakube esenza intetho yakhe ePalamente emva kwemini ngoLwesithathu, ngomhla weshumi elinesihlanu (15) kweyeKhala 2025. Umbutho woMkhonto weSizwe (MKP) ufuna uRamaphosa arhoxe ngoLwesihlanu, ngomhla wesikhumbuzo sikaMandela, okanye ajongane nesiphakamiso sokungathembeki.

Kulindeleke ukuba iingxoxo zomgama omde ngevoti yokuqala yohlahlo lwabiwo-mali, iOfisi kaMongameli, iza kube ilawulwa zizigqibo zakutsha nje uRamaphosa azithathileyo ezibandakanya abaphathiswa beKhabhinethi. Iiyure ezintandathu zibekelwe bucala kwingxoxo-mpikiswano yangoLwesithathu yeNdlu yoWiso-mthetho malunga neOfisi kaMongameli.

Ngohlahlo-lwabiwo mali oluncinci xa kuthelekiswa noninzi lwamasebe karhulumente, uRamaphosa kulindeleke ukuba axelele iNdlu ngezona zinto ziphambili kwiOfisi yakhe kaMongameli kulo nyaka-mali uzayo.

Kodwa njengoko amaqela aphikisayo ecatshukiswe sisibhengezo sikaRamaphosa ngeCawe sokuseka enye ikomishoni yophando kunye nokubeka uMphathiswa wamaPolisa uSenzo Mchunu kwikhefu elikhethekileyo, kukusetyenziswa kwamalungelo akhe njegomongameli okuqinisekileyo okuza kuphononongwa kakhulu kuleNdlu.

NgoLwesithathu, iEconomic Freedom Fighters (EFF) ithumelele umongameli ileta yegqwetha emcela ukuba acacise ngezenzo zakhe, ngelixa iMK Party yenze okufanayo, isithi makayeke okanye izakudibanisa uluntu ngakuye.

Iqela eliphikisayo likwatyityimbisela umceli mngeni kwiNkundla yoMgaqo-siseko ukuba uRamaphosa akasirhoxisi isibhengezo sangeCawe, esiquka ukusebenzisa amagunya akhe obumongameli ukutyumba umphathiswa ongaphandle kwePalamente. Zombini iMK Party kunye neEFF bathi lo mthetho awunakusetyenziswa ukwenza idinga elibambeleyo.

NgoLwesibini, amaqela aphikisayo akhalazele ixesha elithathwe yikomiti yemithetho yePalamente ukwenza iindlela zokuseka ikomiti ekwiOfisi kaMongameli ukuqinisekisa ukongamela olungcono lonyaka wonke kolu khetho lohlahlo lwabiwo-mali.

UMongameli uza kubuyela kwiNdlu ngoLwesine ukuze aphendule kwingxoxo yangoLwesithathu.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
scattered clouds
28 ° C
28 °
28 °
51 %
0.9kmh
43 %
Fri
34 °
Sat
29 °
Sun
18 °
Mon
19 °
Tue
19 °

EZITHANDWAYO INDABA