19.7 C
King William's Town
Thursday, December 5, 2024

Uncedo lufikile emtwaneni owadlwengulwa ekhutshwa amehlo.

ENKOSI KUNI NONKE:

Uthando enilubonakalise kumntwana wase Cabazana e Maxesibeni phezolo umhla 16th May 2022 luyakuhlala ezintliziyweni lungapheli.

Rhulumente we Phondo le Mpuma Koloni enkosi kuni zinkokeli, ENKOSI kuwe Premier Oscar Mabuyane ngesikhokelo kuba nawe uye wakhuthaza abantu ukuthi mabasondele kulomntwana, phofu usithi mabasondele kuwo onke amaxhoba e GBV&F.

*AB350 (umzi we Bus) – MR. HINTSA AND THE TEAM:* Siyabulela kuni ngezipho zothando eninikezele ngazo kolusana, ulele encumile umntana kangangoba usancume nangoku, ngenxa yenu.

Sir Anele Heli from *Complete Life Centre* e Kapa ENKOSI KAKHULU nakuwe kuba ufike wabinza ngenkxaso enkulu nezakwenza umahluko ebomini balomntana. Nani malungu e Disability Forum siwubonile👏🏽 umsebenzi eniwenzileyo.

Baninzi abantu abathathe inxaxheba okanye abadlala indima kulomntwana kwaye ndithanda nokubulela Social Workers zakhe ezisoloko zimnika inkxaso.

BEKUKUHLE phezolo kwaye intombi sikhe saphuma nayo senyuka ngendlela sizama ukolula imilenze, nalapho bebekhona o Nontlalontle bakhe, ENKOSI MAQOBOKAZANA.

ECDoE siyabulela kuni ngenkxaso kuba besihleli no Principal womntana kunye no District Director u Mr. Mbangeni nobemele u MEC u Mr. Gade, kwaye wazibophelela ngelithi nilisebe nizakumncedisa ukufumana isikolo. EWE sikhona esise Gqebera ekuthwa Khanyisa School for the Blind kodwa ke sikude nekhaya, sona masibe yindawo yokuncamela. Abantu base Khanyisa balindele ukuva kwikhaya nesebe otherwise bona bazivulile ingcango for ukumamkela umntana if akafumani ndawo.

Kubo bonke abantu kuquka namatsha-ntliziyo kunye no Cllr. Tuku enkosi kuni. Men’s Forum ENKOSI nto zakuthi nge support👊🏿nakuni nonke bahlali base Maxesibeni.

FromPETROS MAJOLA from Khula Community Dev. Project EC.

17th May, 2022

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
19.7 ° C
19.7 °
19.7 °
72 %
4.6kmh
99 %
Thu
19 °
Fri
28 °
Sat
20 °
Sun
30 °
Mon
31 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks