Ungozi emasikizi nesube imiphefumlo emibini.

Kubhubhe abantu ababini(2)kwaze abasibhozo bonzakala, kulandela ukungqubana kweemoto ezimbini kwindlela iMdantsane Access eMonti.

Isebe lezoThutho eMpuma Koloni lithi le ngozi yenzeke emva kwemini ngeCawe ngethuba isithuthi sohlobo lweToyota Avanza ebikhwele abantu abalithoba besuka eMdantsane beaingise eMonti ze isithuthi sabo sangqubana nenye iAvanza ebikhwele indoda enye. Isithethi, sesebe u-Unathi Binqose uthi abakhweli ababini abangamadoda babhubhele kwindawo yexhwayelo.

Uthi abonzakeleyo kuquka nabaqhubi bobabini babalekiselwe kwisibhedlele iCecilia Makhiwane naseFrere ukuze bafumane unyango. UBinqose uthi kutyholwa ukuba ukuqhuba ngokungakhathali yeyona nto ibingunobangela walengozi. Amapolisa aphanda ityala lokubulala ngokungenanjongo.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
19 ° C
19 °
19 °
50 %
6.6kmh
93 %
Mon
24 °
Tue
24 °
Wed
32 °
Thu
33 °
Fri
33 °

EZITHANDWAYO INDABA