By Buhle Nomgalasa.
URhulumente wePhondo leMpuma Koloni ngoLwesine umhla wamashumi amabini anesithandathu (26) kweyeSilimela 2025, uza kubamba intlangano namajelo eendaba eMthatha ukubonelela ngohlaziyo olongezelelweyo ngolawulo lweentlekele kunye neenzame zoncedo.
URhulumente wePhondo uyaqinisekisa ukuba inani labantu abafunyenweyo ngoku limi kwikhulu elinanye (101). Iinzame zamaqela zohlangulo kunye nokubuyisela kwimeko yesiqhelo ziyaqhuba njengoko iphondo liqhubekeka ukukhawulelana nemeko yentlekele kunye nokuncedisa uluntu oluchaphazelekayo.
Ukufunyanwa kwakhona okuqinisekisiweyo kuye kwarekhodwa kwizithili eziliqela, iOR Tambo inike ingxelo yelona nani liphezulu elingamashumi asixhenxe anesixhenxe (77), elandelwa yiAmathole yona efumene abantu abalishumi (10), iAlfred Nzo kunye neChris Hani umasipala ngamnye enabahlanu (5), ngelixa iJoe Gqabi nezithili zaseSarah Baartman zinike ingxelo yokufumana imizimba emibini (2) ndawo ngaye-nganye.
Ukwahlulwa ngokwesini kubonisa ukuba amashumi amane anesithoba (49) ngamadoda kwaye amashumi amahlanu anesibini (52) ngabasetyhini. Ngokwemiqathango yobudala, amashumi amathandathu anesithathu (63) yabantu abafunyenweyo ngabantu abadala, ngelixa abantwana bengamashumi amathathu anesibhozo (38).
Ukuza kuthi ga ngoku, imizimba engamashumi asithoba anesine (94) ichongiwe kwaye yaqokelelwa ziintsapho, ngelixa isixhenxe (7) singekachazwa.
INkqubo yokuchonga okwangoku inzima, kwaye neminye imizimba sele ikwimo yokubola, njengoko uvavanyo lweDNA lunokufuneka kwiimeko ezithile.
URhulumente wePhondo uyawubulela umsebenzi walo lonke uphando, ukubuyisela, kunye nenkxaso yamaqela kwaye nokudlulisa umbulelo kuluntu kunye neentsapho ngomonde kunye nokomelela kwazo ngeli xesha lentlekele.
URhulumente wePhondo udlulisa uvelwano olunzulu kuzo zonke iintsapho zababhujelweyo.