By Nyameka Lamani.
Abaphathi bentolongo phezolo baqhube ugqogqo kwizisele zentolongo iPollsmoor ngenjongo zokuphelisa uthungelwano olungekho-mthethweni lobukrelemnqa, kwinto athi oku liphulo wlijoliswe kwilizwe liphela.
UMkomishinala kaZwelonke uMakgothi Thobakgale ukhokele eli phulo athi lujolise ekuncothuleni neengcambu ulwaphulo-mthetho nefuthe lwalo.
Emva kokugqogqa amabanjwa angamakhulu amathathu namashumi alithoba anesibhozo (398) kwizisele zentolongo ezilishumi elinesibini (12), iiselfowuni, intsango kunye nemali zezinye zezinto ezingekho mthethweni ezathinjwayo.
UThobakgale uthi, “Nangona siqhuba ngephulo logqogqo likazwelonke, asiyenzi nje loo nto kuba sifuna ukuyenza, siyenza kuba kukho ugxininiso esilubekayo, ingakumbi kumabanjwa.
“Yiyo kuphela indlela esinokuthi xa bengaphakathi bangaqhubeki bephazamisa iinkqubo zokubuyela kwisimo sangaphambili kunye nezoluleko,” ucacise watsho uMkomishinala.

