Kulindeleke ukuba imbethi manqindi yaseMpuma Koloni yenze imbali

Ngelishwa lomhluzi wamanqina umlo ubuzakudibanisa iintshinga ezimbini zehlabathi unqunyanyisiwe

Iinjinga zehlabathi ezimbini nezikudidi lempukane kumabhanti awohlukeneyo bezizakukhwela eqongeni ngeenjongo zokudibanisa amabhanti wazo kwimbethi manqindi ebizakuthi iphumelele kulomlo.

Ngokomqeqeshi nokwangumphathi wendawo yokuzilolonga amanqindi neyaziwa ngokuba yiboxing gym uColin “Nomakanjani” Nathan uthe iinjongo zokuyekiswa kwalomlo kukuba abaphathi bembethi manqindi ebizakulwa neyakhe babize intloko kaloliwe emalini.

Lo mlo ubuzakuba phakathi kukaSivenathi “The Special one” Nontshinga oyinjinga yehlabathi phantsi kombutho weInternational Boxing Federation(IBF) kudidi lempukane yena ingowalapha eMzantsi Afrika, uNontshinga ebezakuqubisana nenjinga yehlabathi phantsi kombutho iWorld Boxing Organisation(WBO) kudidi lempukane kodwa yena engowasePuerto Rico uJonathan “Bomba” Gonzales.

UNathan uthi uGonzales ebevumile nto nje yangabaphathi bakhe ababone ithuba lokwenza eyona mali ininzi ngalomlo. Kodwa ngoku nangona umqeqeshi kaSivenathi ebevutha ngumsindo ecaphukile ngesisigqibo uthi ngoku yonke loonto uyibeke ngasemva ujonge elona thuba elihle ngaphezu kweli sele liyirice echithakele esantini lona ngoku.

UColin uvakalise ukuba ngoku ujonge kwenye injinga yehlabathi neyinzalelwane yaseJapan, le imbethi manqindi bajonge kuyo nguKenshiro Keraji noyinjinga yehlabathi phantsi kweWorld Boxing Association(WBA) aphinde abeyinjinga kwiWorld Boxing Organisation(WBO) kwakunye nethe Ringbelts ukutsho oko yena uphethe iintshinga ezintathu zehlabathi.

UKenshiro sevela kulwa nembethi manqindi ekwistable sikaNontshinga iNo Doubt management uHekkie “Hexecutioner” Buttler nawathi wamnqumamisa kumjikelo wethoba ngenyanga yoMsintsi kunyaka ophelileyo. Le mbethi manqindi yaseJapan yayiyikhusela isihlandlo sokuqala kunjalo nje ngempumelelo intshinga zayo zontathu ngalamhla wamashumi amabini anesithathu kwinyanga yoMsintsi kulonyaka ophelileyo.

UTerej uzikhusele ngempumelelo intshinga zakhe ngomhla wamashumi amabini anesine kwinyanga yoMqungu kulonyaka ngethuba abagwebi bevumelana ngamxhelomnye ukuba uphumelele ngamanqaku kuCarlos Canizales, ngeloxesha ebezikhusela iintshinga zakhe isihlandlo sesibini nalapho ebephumelela umlo wakhe wamashumi amabini anesithathu kwimilo engamashumi amabini anesine.

Ukubonakalisa ukuba lomlo usezingeni eliphezulu kangaka ukuba uzakuqhubekeka indoda engumthelekisi wase Britane uEddy Hearns nonesivumelwano noNontshinga ukhe wadlana iindlebe nombutho othelekisa amanqindi iTeiren Boxing Promotion nengumthelekisi kaKariji kutsha nje malunga nalomlo.

Ngokutsho kukaNathan ongumphathi aphinde abengumqeqeshi kaNontshinga uthi amathuba okuba lomlo uqhubeke aphezulu kakhulu kunjalo nje unethemba. Lo mqeqeshi kaSivenathi uNomakanjani uvakalise ukuba lomlo uzakuba ngowokuqala ezimbalini ukuba imbethi manqindi yaseMpuma Koloni ikhwela eqongeni iyokulwela ukudibanisa amabhanti amane.

Lilonke uSivenathi “The Special one” Nontshinga uzakwenza imbali njengembethi manqindi yokuqala ukuphuma eMpuma Koloni ukulwa kumlo okwizinga eliphezulu kangaka. Kunjalo nje le Mbethi manqindi uNontshinga ekulindeleke ukuba alwe nayo ibekwe kwindawo yokuqala kwiimbethi manqindi zehlabathi koludidi lwempukane, cinga ke ukuba kwakwenzeka ntoni ke kuye uNontshinga xa enokuphumelela.

By Siphiwo Boqwana

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
broken clouds
31.4 ° C
31.4 °
31.4 °
24 %
4.2kmh
52 %
Tue
31 °
Wed
21 °
Thu
28 °
Fri
31 °
Sat
21 °

EZITHANDWAYO INDABA