Umphathiswa wezoMbane uGqirha Kgosientsho Ramokgopa uthi urhulumente ujonge ukungena kumashishini abucala njengoko ezama ukwandisa amandla.
Ebethetha kwingcaciso yakhe yeveki malunga nesicwangciso sokusebenza kwamandla. URamokgopa uthi umthamo wombane uphucukile phakathi kweeveki zomhla we-18 ukuya kowama-22 kweyoMsintsi okukhokelele kumanqanaba asezantsi okucinywa kombane.
Umphathiswa uRamokgopa unike ingxelo yokuba iSemina yoThutho lweMali iMzantsi Afrika iqokelele abo baxhasa ngezimali abathi baluncedo ekwandiseni amandla.
URamokgopa uthi bajonge ukungena kuqoqosho olukhoyo kumashishini abucala, ukuvumela ithuba lokwandisa amandla ombane ukuze bakwazi ukukhawulelana nezisombululo zamandla ahlaziyekayo esele ziqalisiwe elizweni kunye nenani lombane.