15.2 C
King William's Town
Thursday, November 30, 2023

Sisixhiphothi sendoda(63) endala netyholwa ngokudlwengula imveku eneminyaka emine(4) ubudala.

Bekumele ivelile enkundleni kaMantyi yaseDutywa namhlanje indonda, neyiNqununu yesikolo etyholwa ngokudlwengula imveku eneminyaka emine(4) ubudala.

Untwana uchazele ootitshala ngako konke obekusenzeka ekhayeni xa umama engekho. Ukanti kukwavakala ukuba lendoda ibingaqali ukumdlwengula umtwana nanjengoko ibinane iziminca ngomtwana qho yakufumana ithuba.


Uyise womtwana nogama, ulugcwabevu ngumsindo kwaye ume ngenyawo efuna kwenziwe ubulungisa ngakumtwana wakhe. Ngethuba sincokola nonina, uthi akaqaphelanga nto de wabe ufumana ingxelo esikolweni nanjengoko ebengakulindelanga oku nokumothuse kakhulu ze wayokuvula ityala kwisikhululo samapolisa aseDutywa.

Namhlanje abahlali bebephume ngendlu beyokuqhankqalaza phambi kwenkundla ngelishwa ityala khange lixoxwe kuba kutyholw ukuba umtshutshisi efike emva kwexesha ze ityala labekelwa umhla we 4 October 2023.

Isebe lezemfundo ePhondweni liyifumene lengxelo kwaye lenza olwalo uphando logama umrhanelwa eseziseleni, elinde ukuva ngekamva lakhe.

Umtwana, ubonwe ngabafundisi ntsapho kwisikolo eso afunda kuso ukuba ukhona undonakele. Ootitshala bathi babone izimbo ezingathandekiyo ncam emtwaneni xa edlala nabanye ze bamngcambazisa ngemibuzo.

Kananjalo umtwana uye wakuthetha konke ukuba uxhatshazwa yindoda eqikelelwa kwiminyaka engamashumi amathandathu anesithathu(63) ubudala nobesisinqanda-mathe sikanina.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
few clouds
15.2 ° C
15.2 °
15.2 °
29 %
2.4kmh
15 %
Thu
31 °
Fri
42 °
Sat
29 °
Sun
30 °
Mon
25 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks