19.8 C
King William's Town
Thursday, April 24, 2025

URhulumente wePhondo usabele eMdantsane naseDuncan Village.

Inkulumbuso yePhondo leMpuma Koloni uOscar Lubabalo Mabuyane, namhlanje ukhokele igqiza eliquka uMphathiswa wezokuHlaliswa koLuntu uNonceba Kontsiwe, uMphathiswa weCOGTA uXolile Nqatha kunye noSodolophu weSigqeba soMasipala waseBuffalo City, uXola Pakati ngethuba betyelela iindawo ezichatshazelwe zizikhukula ezithwaxe eliphondo izolo.

Izikhukula nezikhokelele ekufeni kwabantu abathandathu(3) zichaphazele kakubi amatyotyombe eDuncan Village naseMdantsane. Ezimvula zimandla zishiye Iintsapho zingenamakhaya nkqu nokutya, asithethi ngemphahla xokunxiba. Ukanti urhulumente uxoze mphini wumbi ukuncedisa kwesisimo nokunyanzeleke ukuba ezinye iintsapho zifakwe kwiindawo zokuhlala zethutyana eMdantsane NU1. Oku njengoko imisebenzi ye(mop-up) isaqhubeka.

Umbutho ongenanto yakwenza noRhulumente iGift of the Givers kunye noShoprite bafake isandla ekuncedeni ezi ntsapho zinxungupheleyo ukuqala izolo emva kokwehla kwentlekele. Iqela labaphathiswa bephondo elijongene neentlekele licwangciselwe ukuhlala phantsi kule veki ukuxoxa ngezicwangciso zokuzisa uncedo kwiindawo ezichaphazelekileyo jikelele.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
light rain
19.8 ° C
19.8 °
19.8 °
76 %
3kmh
85 %
Thu
19 °
Fri
25 °
Sat
28 °
Sun
31 °
Mon
32 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks