12.6 C
King William's Town
Thursday, March 27, 2025

USihlalo weKomiti eNtsha yamaPolisa uphakamisa umba wesikhundla.

USihlalo osandokunyulwa weKomiti yePotifoliyo yePalamente yamaPolisa u-Ian Cameron uceba ukugxila ekuphuculeni iiyunithi ezikhethekileyo ngokuqesha abantu abaninzi.

Ilungu lePalamente leDemocratic Alliance (DA) lonyulwe izolo, kwaye ungene endaweni ka-Albert Seabi we-ANC.

Kwindibano yokuqala yeKomiti yePotifoliyo yePalamente yamaPolisa, amalungu eeNkonzo zamaPolisa oMzantsi Afrika (SAPS) azibophelele ekusebenzisaneni nekomiti ukulwa ulwaphulo-mthetho.

UCameron nangona kunjalo uvakalise inkxalabo malunga nomkhosi wamapolisa.

Uphemfule ngelithi, bekucace gca kuye ukuba ukwabiwa kwezibonelelo kuseyingxaki kwiNkonzo yesiPolisa yaseMzantsi Afrika. Wandule wathi, kucace gca xa ujonga iinkcukacha-manani zolwaphulo-mthetho nangona ikota yokugqibela ingazange ikhutshwe, kucace mhlophe kuthi ukuba kukho ingxaki. Le ke, ibiyingxoxo eyakhayo kwaye kubonakala ngathi uMphathiswa ukholelwa kwinto efanayo. Wongeze ngelithi uzakugxila kwintlalontle yamapolisa.”

By Anita Qubula.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
12.6 ° C
12.6 °
12.6 °
84 %
1.9kmh
0 %
Thu
23 °
Fri
26 °
Sat
27 °
Sun
25 °
Mon
27 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks