uSizwe Kupelo, uthe abafundi abangamashumi amathathu anesine, besikolo esiseMlungisi basiwe kwisibhedlele saseFrontier.

Isebe lezempilo eMpuma Koloni lithi ngabantwana besikolo abakwikhulu elinamashumi amabini abangeniswe kwisibhedlele saseKomani emva kokugula.

Isithethi sesebe, uSizwe Kupelo, uthe abafundi abangamashumi amathathu anesine, abaphakathi kweminyaka elisibhozo neshumi elinesihlanu ubudala, besikolo esiseMlungisi basiwe kwisibhedlele saseFrontier.

Uthe bebekhalaza ngokuqaqanjelwa sisisu, isicaphucaphu nokugabha.

UKupelo uthe abanye abafundi besikolo sesibini eKomani “bathwaxwa sisifo sokutya (food borne).”

Uvavanyo luyenziwa ukufumanisa unobangela wokugula kwabo.

Bebonke, abafundi abali-120 babeneempawu zokurhawuzelelwa, abanye babephefumla nzima. Abanye bebenobushushu obuphezulu, ezinye iimpawu ezibalulekileyo beziqhelekile,” utshilo uKupelo.

Uthe bonke abantwana “bakwimeko ezinzileyo.”

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
13.8 ° C
13.8 °
13.8 °
88 %
2.4kmh
0 %
Wed
32 °
Thu
32 °
Fri
33 °
Sat
22 °
Sun
18 °

EZITHANDWAYO INDABA