USteenhuisen ugxeka izinto ezimbi ezenziwa ngumasipala waseEnoch Mgijima

Inkokeli yeDemocratic Alliance (DA) uJohn Steenhuisen ugxeke umasipala wase-Enoch Mgijima eMpuma Koloni ngokubeka izinto ezingabalulekileyo kwindawo yokuqala.

USteenhuisen uthi ishumi elinesihlanu lezigidi zeerandi (R15 million) elichithwe kwibala lemidlalo elidume kakubi eLesseyton kuKomani ibinokuchithwa ekuphuculeni iimeko zokuhlala zabantu abangathathi ntweni bale ndawo, abaswele kakhulu iinkonzo. USteenhuisen ebeseKomani njengenxalenye yotyelelo lwakhe kwiidolophu ezincinci zelizwe.

Ibala lemidlalo laseLesseyton ngoku liyindlovu emhlophe (Moemish), nangona izigidi zeerandi zichithwe ukwakha eli ziko. USteenhuisen uthi akukho sizathu sokuchitha imali eninzi kwiprojekthi emileyo.

“I-R15 yezigidi zeerandi echithwe apha xa ubunokwakha iprojekthi enokuthi yenze umahluko omkhulu, abanye abantu benze intywenka yemali ecaleni kwaye abantu bashiyeka behlupheka.” utshilo.

Abahlali baseKomani nabo bafumene ithuba lokuvakalisa ukukhathazeka kwabo malunga nemeko abahlala kuyo.

“Eli bala lemidlalo liyimomiish, ngebesebenzise le mali ukujongana neengxaki zeziseko zophuhliso. Sifuna amanzi acocekileyo okusela apha, kodwa siphela sisebenzisa amanzi aphuma emlanjeni kwaye sabelana ngamanzi nezilwanyana. Sinika ingxelo ngokusilela kweziseko zoncedo lwamanzi, kumasipala nayizolo besinendibano namagosa kwaye bathembise ukuba bazakuyihoya le miba ngokukhawuleza.” utshilo umhlali

Iinzame zokufumana ifomu yezimvo zikamasipala waseEnoch Mgijima azikhange ziphumelele.

Isebe lolawulo lweNtsebenziswano kwiphondo lonyule inkampani yamagqwetha ukuba iphande izityholo ezitenxileyo. Isebe lithi uphando lugqityiwe kwaye ingxelo inikezelwe kobesakuba nguMphathiswa kwiNtsebenziswano kurhulumento nemicimbi yezeMveli uXolile Nqatha, kodwa ayikabhengezwa esidlangalaleni.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
11.6 ° C
11.6 °
11.6 °
80 %
2.1kmh
0 %
Tue
25 °
Wed
32 °
Thu
33 °
Fri
33 °
Sat
23 °

EZITHANDWAYO INDABA