Uluntu lwaseMthatha luxhalabile ngokuqhambuka kwesifo senkomo esingaziwayo

Uluntu lwamafama eHighbury ngaphandle kwaseMthatha luvakalise inkxalabo emva kokuqhambuka kwesifo esingaziwayo senkomo. Amafama alahlekelwe ziinkomo ezilishumi elinesihlanu ukusukela ekuqaleni kweyeDwarha.

Iimpawu zesi sifo ziquka iinkomo ezibetha iintloko kwizinto kwaye kamva ziwe phantsi. Iimazi zeenkomo ezichaphazelekayo zikwabonisa iimpawu zokuphelelwa ngamanzi emzimbeni kunye nokungcangcazela phambi kokuba ziwe.

Abalimi baxhalabile njengoko abanye abantu besitya inyama, xa iinkomo zifile.

Umfama osakhasayo uMzwanele Dunywa uthi, “Xa ufaka ezi nkomo ebuhlanti, zisuka zaphambane, zityhala udonga lobuhlanti. Ukuba zibona ucingo, zivele ziqluchithe ucingo kodwa azinabundlobongela. “Uyabona ukuba esi sifo sinxulumene ngokwasengqondweni. Iyasikhathaza kakhulu le nto kwaye sifuna uncedo kubantu abajongene nempilo yezilwanyana.” utshilo.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
20.5 ° C
20.5 °
20.5 °
83 %
0.8kmh
100 %
Fri
35 °
Sat
28 °
Sun
19 °
Mon
20 °
Tue
16 °

EZITHANDWAYO INDABA