USodolophu weSigqeba saseNelson Mandela Bay, uGary van Niekerk, wenze ingxelo ngeentsuku zakhe zokuqala ezili-100 e-ofisini, ephawula impumelelo kwaye ethembisa ngokuphindaphinda iinzame zokuphumeza iinjongo eziphambili ezithe azahlangatyezwa.
Kwintetho yakhe ngolwesithathu, uthe amanyathelo athathiweyo xa kulungiswa imingxuma, ukulungisa ukuvuza kwamanzi, kwanokususwa kweendawo zokulahla inkunkuma ezingekho mthethweni ukuqinisekisa ukuba abahlali banesixeko esicocekileyo.
NgokukaVan Niekerk, ama-692 oqhagamshelo olungekho mthethweni ombane lwaqhawulwa, ngaphezulu kwama-4,000 avuzayo amanzi alungisiweyo, kunye neendawo zokulahla inkunkuma ezingekho mthethweni eziyi-185.
Ngokubhekiselele kunikezelo lwezindlu, uVan Niekerk uthe iziza ezingama-210 ziye zanikwa iinkonzo ngeli xesha liphantsi kovavanyo kwaye oku kujoliswe kuko kuye kwagqithiswa.
Ukwaphawule ukuba iiyunithi zezindlu ze-126 eMotherwell zazikumgangatho wophahla, kunye ne-112 “ezinokugqiba kunye neesilingi.” Usodolophu uthe ukuzinikela ekuboneleleni ngeziza ezinenkonzo kunye neeyunithi zezindlu ezingama-83 kwahlangatyezwana nazo.
“Olwam uvavanyo kukuba senze kakuhle,” utshilo kwingxelo yakhe ngelixa evuma ukuba ukuhanjiswa kwengxelo kuye kwalibaziseka kancinci.
“Savakalelwa kukuba kufuneka siziphendulele,” utshilo.
USodolophu uthe eyona njongo iphambili yesiXeko ibikukwenza isixeko sikhuseleke ngakumbi, sicoceke, kwanokujongana nembalela ethathe ixesha elide.
“Ndifuna ukubulela abahlali bomasipala ombaxa ngokonga amanzi ngexesha lembalela, ngoku siyavuya ukuthi uninzi lwamadama ethu agcwele i-100%, iDama nje i-Impofu lihleli nje kumyinge wamashumi amane ekhulwini,” utshilo.
Kodwa, uVan Niekerk uthe malunga nokhuseleko, isiXeko “asiphumelelanga into ebesifuna ukuyenza” malunga nokwenza loMaspala ukhuseleke ngakumbi kubahlali.
Ubalule ukunyuka kolwaphulo-mthetho kwindawo engaselunxwemeni, ezilokishini, nakwimimandla esemantla apho athe “ukwanda kolwaphulo-mthetho kuye kwanda njengeenkwenkwezi.”
Ngokubhekiselele kubonelelo lombane, uVan Niekerk uthe iqela lasekwa ukuze lijongane noqhagamshelo lwexeshana oluthi lube sisigxina ukuze kukhuseleke abahlali.
Ukwavumile ukuba maninzi amathuba okuphucula” kwaye oku wakwaziswa kubaphathi abaphezulu abathe “ngokuhlangeneyo bathatha isigqibo sokuhambisa isixeko esikhuselekileyo, isixeko esicocekileyo nge-15 kaDisemba.”
“Into esizibophelele kuyo kukuba sizakube siqhuba ngokuphindiweyo iinzame zethu ngokokujoliswe kuko esizibekele kona, siyazi ukuba singenza ngcono,” utshilo usodolophu.