Zizazisi (ID) ezingama-500 000 ezingaqokelelwanga kwii-ofisi zezeKhaya: Motsoaledi

Umphathiswa wesebe lezekhaya uAaron Motsoaledi uthi zingaphaya kwamakhulu amahlanu amawaka ezazisi ezingathathwanga kwiiofisi zabo. Uthi nangona kunjalo, eli nani alithethi ukuba isiqingatha sesigidi sabantu abanakukwazi ukubhalisa okanye ukuvota kunyulo oluzayo.

Uthi abanye babafaki zicelo sele benazo izazisi eziluhlaza ezinebhakhowudi kwaye bebefake izicelo zokufumana izazisi zamakhadi.

UMotsoaledi kunye neKomishoni yoNyulo bebechazela iKomiti yezeKhaya yasePalamente malunga nokulungela kwekomishoni iphulo lokubhalisa abavoti kule mpelaveki phambi konyulo luka-2024.

“Malungu aHloniphekileyo xa sasibhengeza ukuba kukho izazisi ezingama-500 000 ezingathathwanga, ezingqondweni zoluntu namalungu kukuba xa ezo ID aziqokelelwa, abantu abayi-500 000 abasoze babhalise kwaye abasoze bavote. Kodwa uSekela Mphathiswa usandula ukuchaza ukuba eneneni, oko kuya kuchaphazela i-125 000 apho i-10 000 iqokelelwe. Abanye njengoko watshoyo ngaphandle kwabantu ababhubhileyo abamalunga nama-64 000, ngabantu abaza okwesibini kwaye uninzi lwabo banazo izazisi kodwa beza kucela i-smart ID card. Uyazi ukuba kwiSebe lezeKhaya sisenesazisi esidala esinebhakhowudi kunye ne-smart ID.” utshilo

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
broken clouds
21 ° C
21 °
21 °
82 %
2.9kmh
77 %
Fri
35 °
Sat
25 °
Sun
19 °
Mon
19 °
Tue
14 °

EZITHANDWAYO INDABA