16 C
King William's Town
Sunday, October 13, 2024

ABARHANELWA ABABINI BABANJELWE UKUHLASELA IIBHASI ZE-INTERCAPE

COFIMVABA: Iinzame ezizingisileyo zeNkonzo yesiPolisa eMpuma Koloni zokuphelisa uhlaselo olungeyomfuneko kwiibhasi ze-Intercape esele likudala luqhubeka kwimimandla yeli Phondo, lunike imbuyekezo njengoko kubanjwe abarhanelwa ababini ngetyala lokubulala. kwimpelaveki edlulileyo kumbindi weCofimvaba, kwiSithili saseChris Hani.

Oku kubanjwa kulandela emva kweziganeko ezininzi zokuhlaselwa kweebhasi zakwaIntercape ngabarhanelwa abangaziwayo kwizithili ezahlukeneyo eMpuma Koloni. Emva kwezi ziganeko, ukhomishinala wePhondo, uLieutenant General Nomthetheleli Mene useke igqiza eliphandayo waza waphinda wasasaza amaqela okusabela ngobuchule kunye namalungu eFlying Squad ezindleleni zelizwe ukuba aqhube iipatroli kuhola wendlela emini nasebusuku ukuthintela ukwanda kwesi siganeko, kunye nokukhusela ubomi.

La manyathelo okusebenza enze umahluko obonakalayo kunye nefuthe njengoko inqanaba lezehlo liqala ukubonisa ukuhla. Nangona kunjalo kube nzima kakhulu ukubamba abantu ngokukhawuleza kwamanye ala matyala njengoko abarhanelwa beqalise olu hlaselo ebusuku nakwiindawo ezimnyama nezikwanti apho kungekho zindlu. Le mingeni ayizange ithobe umoya wabaphandi kunye namandla emhlabeni. Uphando luqhubekile kukhangelwa imikhondo kunye nobungqina obubambekayo obunokukhokelela ekubanjweni kolwaphulo-mthetho oluhlasele iibhasi ngaphandle komkhondo.

Njengenxalenye yophando oluqhubekayo, abacuphi be-SAPS babambe abarhanelwa ababini abangamadoda ekukholelwa ukuba bayayanyaniswa nohlaselo lweebhasi ze-Intercape.
Abarhanelwa abaneminyaka ephakathi kwamashumi amabini anesithandathu ukuya kumashumi amathathu anesixhenxe babanjwa ngempelaveki yomhla wamashumi amabini anesithoba ukuya kumhla wamashumi amathathu kuTshazimpuzi ka2023 eCofimvaba.

Ukubanjwa kwabo kuza emva kokuba bebejongene nabantu abebelinde ibhasi kwesinye sezikhululo zokugcwalisa eCofimvaba. Ebudeni besi sehlo, kutyholwa ukuba babahlasele babathathela izinto zabo. Esi siganeko salandelwa kuhlaselo lwebhasi ngo-Epreli ka-2023 phakathi kweTsomo neNgqamakhwe, nalapho kutyholwa ukuba abakhweli baphangwa baze babethwa ebhasini.

Uphando lusaqhuba ukufumanisa ukuba aba barhanelwa babini abanako ukunxulumana nesinye isiganeko esenzeke kwezinye iindawo zephondo. Ukhomishinala wephondo uLieutenant General Nomthetheleli Mene ufunge wabhambathisa ukuba uza kuziphelisa zonke izigebenga zeebhasi ze-Intercape kuyo yonke indawo eMpuma Koloni. “”Amacebo anenjongo kunye nezicwangciso zokusebenza ezibekwe ukujongana nolu hlaselo sele ziqalile ukuvelisa iziphumo ezihle kwaye kufuneka ndicacise ukuba umnatha uvalile kwabo baqhubeka nokugrogrisa abakhweli ngobundlobongela.” U-Lt Gen Mene waqukumbela

Abarhanelwa ababanjiweyo balindeleke kwinkundla kamantyi yaseCofimvaba ngoLwesibini umhla wesibini kuCanzibe ngo2023 ngezityholo zokubetha, ukuphanga kunye nokonakalisa impahla.

Isiphelo

Imibuzo: UBrigadiya uTembinkosi Kinana
ISeli: 082 301 76 99

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
few clouds
16 ° C
16 °
16 °
93 %
3.1kmh
15 %
Sun
31 °
Mon
18 °
Tue
18 °
Wed
31 °
Thu
27 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks