Uxolo magqiyazana ningabisajonga UTHATHIWE💍!!!!

Niyamazi uPhilipe? Lokanye obevela kumabonakude ekunye noNkunzi ku(Uzalo on SABC 1) ngecala emva kwentsimbi yesibhozo(8:30) malanga. UPhilipe unegama lakhe lokwenyani hai elokulinganisa eqongeni elingu Joe Kazadi nowazalwa ngomhla we(13 kaJanuwari 1991) kumbindi weAfrika eCongo.

UJoe Kazadi uneminyaka engamashumi amathathu(30) ubudala kwaye unguyise kwintombi enye esakhulayo kwaye amarhe athi uzimanye ngeqhina lomtshato kwezintsuku zimbalwa zidlulileyo. LokaJoe wafudukela eMzantsi Afrika kunye nosapho lwakhe ekwiminyaka elithoba(9) ubudala, phambi kokuba aziqaphele ukuba unobizo eqongeni. Ukwayiyo nencutshe ezimbizeni nanjengoko wayekhe wasebenza njengompheki oqeqeshiweyo(chef) kwindawo yokutya eThekwini isithuba esingangeminyaka emithathu(3 years)

Ukwanazo nezinye izakhono nekuquka  ukubhala imibhalo yeqonga, ukuzilolonga(fitness) kwakunye nezemidlalo. Iintombi kwakunye noMzantsi Afrika uphela, ubona lendoda njengeyona unomtsalane (sexiest man in Mzantsi) gabula makhumsha.

UJoe ngokucacileyo uzenzele igama kwilize lefilimu, kutsha nje ushicilele uthotho lwakhe lwemiboniso phantsi kwenkampani yakhe yokuvelisa i-Elikia Films. Udlale iindima ezininzi kwiimveliso zefilimu ezifana no”uGetroud met rugby” (DSTV) Uzalo SABC 1; The Queen(dstv); Gauteng Maboneng; Generations; Broken Vows ukubalula. Ukanti udlalile nalwezinkuli nezivela kumanye amazwe ifilimu eziquka”Diamonds” Nothing esle.

Ngenxa yokuzimisela kwakhe koko akuthandayo kwikhondo lakhe uJoe ukhuphisene kwiBET’s’Top actor’ emenze wayokungena kumagqibela kankqoyi(finalist) nto leyo ethe yamkhuthaza ukuba aqhube nangakumbi.

Mlandele ukhona kufacebook: Joe Kazadi
Instagram: @King_Kazadi
Twitter: Thekingkazadi

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
light rain
18 ° C
18 °
18 °
91 %
1.8kmh
100 %
Sat
18 °
Sun
20 °
Mon
21 °
Tue
22 °
Wed
30 °

EZITHANDWAYO INDABA