Amapolisa aseDespatch afuna ngokukhawuleza uncedo loluntu ekufumaneni owasetyhini oneminyaka engamashumi amabini anesixhenxe(27) ubudala, nowalahleka kunyaka ongapha kophelileyo(31 August 2020)
UNwabisa Makinana, wayehlala kwisitalato iMpenza, eNU7, eMotherwell eGqeberha ngethuba endwendwela umzala wakhe, ohlala kwisitalato esaziwa njengeHeuwelkruin, eDespatch ngalomhla ungentla(31 ka-Agasti 2020) LokaMakinana kwakumele ukuba abuyele ekhayeni lakhe eMotherwell kwangolo suku lunye, kodwa akazange aphinde agoduke ukususela ngoko. Ityala lokulahleka kwakhe labikwa emapoliseni ngenyanga kaSeptember kwaku2020 kodwa ukuzothi ga ngoku akakafumaneki.
UNwabisa Makinana ulahleke enxibe ilokhwe ende enentyatyambo kwaye eneenwele ezinde eziphothiweyo(braids) ezimnyama.
Onolwazi malunga nalapho akhoyo uyabongozwa ukuba aqhagamshelane nomcuphi uKapteni Heidi Boshoff ku-0824417900, iSAPS Crime Stop 08600 10111, Crime Line sms 32211 okanye aqhagamshelane nesikhululo samapolisa esikufutshane.

