Uyaqhuba uRhulumente waseMpuma Koloni kwingqungquthela eseGqeberha

Kwiinzame zokukhawulezisa ukuhamba kweenkonzo zikaRhulumente ingakumbi kwiCandelo lezokuHlaliswa loLuntu eMpuma Koloni, uMphathiswa uSiphokazi Lusithi namhlanje ebebambe ingqungquthela yentsuku ezimbini esebenzisana neDyunivesithi yezeMfundo enoMsila i(Nelson Mandela University)

Lengqungquthela nebiqala ngokusesikweni namhlanje, ibibanjelwe kwiDyunivesithi yaseGqeberha. Ukanti iNkulu baPhathiswa uOscar Lubabalo Mabuyane ebezimasile ekunye neendwendwe ezivela kumazwe angaphandle nabebecaphula kwimixholo ebixoxwa namhlanje.

Kumazwi acaphule kuwo, uthi onothenda mabawenze kakuhle umsebenzi wabo, ingakumbi kwimicimbi yokwakha imizi yabantu. Uthi mabeme ngokukhokelisa imali kuqala koko bakhokelise umsebenzi kuba xa besenzanjalo banceda iintsapho ezininzi. Ukwathe lengqungquthela yeyokuqinisa ubudlelwane nabacandelo asebenza nabo kwakuqala ubudlelwane obutsha nobuzakuzisa inguqu eMpuma Kapa.

Kweminye imixholo exoxiweyo ngolusuku kukuphunyezwa kweNkqubo yezindlu, imiceli-mngeni; uphuhliso lomgaqo nkqubo; inkxaso mali kunye namalungiselelo amaziko.

Kulindeleke ukuba kwakulengqungquthela, kunikwe iinkokheli zemveli? ooCeba kunye namagosa kaMaspala athe aqukumbela inkqubo yezemfundo emfutshane kwiDyunivesithi yaseGqeberha ngokuhlaliswa koluntu.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
broken clouds
34 ° C
34 °
34 °
33 %
3.2kmh
53 %
Fri
34 °
Sat
29 °
Sun
18 °
Mon
19 °
Tue
19 °

EZITHANDWAYO INDABA