9.5 C
King William's Town
Thursday, November 30, 2023

Xa indawo iyeyakho uyafika kuyo noba ufike nini na

Emva kweminyaka enkqonkqoza kumashushini amakhulu, u Nkosihleli king Mfundusi ofundele ubuntatheli eWSU, uchongwe nguMhlobo-Wenene njengomvelisi wemicimbi ekhoyo kwaye ulibambela msasazi.

Inzalelwane yaku Tsolo, engumsasazi, owaziwa ngokuba ngu King Mfundisi, ebesebenza kwesinye zezitishi zikanomathotholo zasekuhlaleni eMonti iKumnkani FM, nalapho kuphuculwe khona italente yakhe yosasaza.

Umfundisi uphinde waboleka italente yakhe kwicandelo lezolonwabo ngaphandle kweli phondo, nalapho athe wafumana ithuba lokuba ngomnye wondwendwe eSoweto TV, kwakunye neenkqubo zakwa SABC ezifana ne-Shift ne-Fan Base.

“Ndihlala ndisithi ukungayifumani into akuthethi ukuba awufanelanga. Kungezeka ukuba alikafiki ixesha lakho okanye umntu ofumene isicelo sakho akakwazanga ukukhetha, ukuba ngokwenene, ufanelwe ukunikwa ithuba. Ukuba nembono entle nokungaguquguquki kumsebenzi wam wobugcisa kwandinceda kakhulu”.utshilo uNkosihle

Phambi kokuba angenele ubuntatheli, uMfundisi usebenze kumashushini aliqela, de warhoxa eneminyaka engamashumi amabini anesibhozo ubudala, ukuze alandele amaphupha akhe okuba ngumsasazi kunomathotholo.

Ufunde kwindyunivesithi i-WSU, apho afumane i-diploma kunye ne-diploma ephuzulu kubuntatheli.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
9.5 ° C
9.5 °
9.5 °
92 %
2.6kmh
7 %
Thu
28 °
Fri
40 °
Sat
26 °
Sun
27 °
Mon
24 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks