27.1 C
King William's Town
Monday, February 17, 2025

Ziyamoshakala izindlu zethutyana neBraelyn eMonti

IZINDLU ZETHUTYANA EBRAELYN EMONTI EZABEKELWA ABAHLALI ABALIKHULU ABATSHELWA E-DUNCAN VILLAGE NGONYAKA KA-2013 ZIYAQHEKEKA KUNGOKUNJE.

Abahlali abathi bangeniswa kwingingqi yaseBraelyn eMonti abasuka eDuncan Village eMonti emva kokutshelwa ngonyaka ka2013 baphila phantsi kwemeko emaxongo yokugrobhoka, nokunetha kwezindlu zethutyana. Kwaye inkangeleko yazo ichaza ukuba noko ezizindlu zethutyana sele ilixesha zimiliselwe  nguMasipala iBuffalo City bafuna izindlu zesigxina.

Abahlali abafikelela kwikhulu abafika ngo2013 ngokwengxelo basebenzisa imizi yangasese emihlanu neempompo ezimbini kwaye xa zigcwele ziphuphuma babalekela emahlathini ukuyokuzinceda . Ngokwengxelo uMasipala ngonyaka ka2020 wabakhela imizi yangasese abahlali ezingamashumi amabini ubuninzi bazo kodwa ngenxa yemeko nendlela ezakhiwe ngayo zakhawuleza zamoshakala zonke.

Omnye wabahlali ongafunanga kukhankanywa ngagama ukuzikhusela uthi amanzi amawasebenziswayo abawazi noba acocekile ngenxa yevumba apho bawakha khona kwimizi yangasese kwaye oko kubangela izigulo kubantwana nakubahlali ngokubanzi, indlu yakhe yethutyana igrobhoke phantsi iimpuku zingena ngezantsi , iyabanda kwaye xa kunetha imvula ingena ngaphakathi kuzo. Bafuna uRhulumente ukuba angenelele.

Ikomiti yasekuhlaleni uMzingisi Zweni uthi akho ntshukumo abangayenzanga kumnyango woMasipala iBuffalo City (BCM) kodwa abakaselwa so babhekiswa ngapha nangapha, uthi lenkqubo ibisoloko ihanjelwa ngowayesakuba nguSodolophu we BCM uZukiswa Ncitha ngonyaka ka2013. kungokunje bafuna ungenelelo kwisele lokuzinziswa loluntu ephondweni libakhele izindlu zokwenyani. Kwaye iintsapho ziyachaphazeleka kukuhlala kwezizindlu zethutyana babe belinani elivisayo ngaphakathi.

Isithethi soMasipala iBuffalo City uSamkelo Ngwenya uthi iinjongo zokwakhela abantu imizi yethutyana sukuba bebasusa kwindawo abakuyo ngeminqweno yokuba bzakubakhela izindlu zesigxina. Uthi unobangela wokulibaziseka ukwakha izindlu zesigxina kukuba iinkqubo yoMasipala iye irhiqe unyawo ngokwezicwangciso ebezilungisiwe ngenxa yeemeko ezithile kwaye benguMasipala bazokwenza ungenelelo kulemelo.

Ingxelo:Yoliswa Khundulu

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
27.1 ° C
27.1 °
27.1 °
59 %
1.3kmh
100 %
Mon
32 °
Tue
31 °
Wed
20 °
Thu
26 °
Fri
30 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks